IBidvest Wits ivule umsantsa wamanqaku amathathu phezulu kwi-Absa Premier Soccer League emva kokubetha i-Orlando Pirates ngo’1-0 kumdlalo obuseBidvest Stadium kobu busuku. Amakhwenkwe kaGavin Hunts afumene amandla emva kokubetha iPirates neMamelodi Sundowns kwiveki enye. Nangoba kukho intetho ethi izisulu azelekelani – kodwa kwenzeke into enqabileyo kule isizini: iWits ibethe iBucs kathathu kule sizini – kanye kwiMTN 8, kabini kumdlalo wePSL. Nangona kusekho imidlalo eliqela – kodwa iWits yeyona inethuba elicacileyo lokuthatha indebe ekupheleni kwale sizini.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho elibhalisileyo ebhodini nangona iPirates ibiyiyo elawula umdlalo futhi inamathuba okufaka amagowuli. Ukuphosa amathuba yeyona nto iyingxaki kwiiSea-Robbers kule sizini. Namhlanje bezibene neqela elikwaziyo ukusebenzisa ithuba noba linye elivelayo emdlalweni – yenye yezinto eyenza yahluke iWits kwamanye amaqela. Igowuli likaCuthberth Malajila lilo elohlukanise la maqela mabini. AmaBhaka-bhaka aya kumdlalo wawo olandelayo neSundowns umoya uphantsi. Ngumdlalo lowo ekunyanzelekileyo anyuse umxakatho omabini la maqela emva kokufumana iziphumo ezingancumisiyo kule veki.
Bidvest Wits: Josephs, Frosler, Hlatshwayo, Khumalo, Hlanti, Monare, Motshwari, Ntshangase, Mhango (Pule 88′), Myeni (Malajila 46′), Mahlambi.
URanga Chivaviro ufuna iChiefs iqume ihlazo ngokungena kwiTop 8