Umfama omhlophe udubule wabulala iinkomo zomfama ontsundu

Umphathiswa wophuhliso lwamaphandle kwakunye nezolimo eMpuma Koloni, uMlibo Qoboshiyane, uthi wothuke kakhulu ukuva iingxelo zokubulawa kweenkomo zomfama omnyama waseBhayi, zibulawa ngumfama ongumlungu.

 

Iinkomo zikaSivuyile Stokwe ezilishumi elinanye zidutyulwe zabulawa ngumfama omhlophe, kwisehlo esichazwe nguQoboshiyane njengento engamkelekanga.

 

Iingxelo zithi lo mfama udubule iinkomo zikaStokwe kuba zingene kwifama yakhe. “UMphathiswa umemelela kwiSPCA [abajongene nezilwanyana] namapolisa ukuba aqubisane nalo mba, futhi kuqinisekiswe ukuba umenzi wobubi uziswa ngaphambili,” kutsho isithethi sikaQoboshiyane uMvusiwekhaya Sicwetsha.

 

UQoboshiyane uzakubamba indibano nabe-Agri Eastern Cape ngoLwesihlanu, apho kulindeleke ukuba awuphakamise lo mba. Abe-Agri Eastern Cape bamele amafama amhlophe aliqela kweli phondo.

 

“Kukwakho iingxelo zokuba izehlo ezifana [nesi sikaStokwe] ziyenzeka kummandla waseQumrha. Ezi zehlo azifanelanga kwenzeka, osenzileyo makajongane nengalo yomthetho,” utshilo uSicwetsha.