Kukhangelwa abadlali bemiboniso kamabonakude eMonti

UseMonti?

Kudala ufuna ukuba ngumdlali ophambili kwimiboniso kamabonakude? Ukuba kunjalo eli lithuba lakho!

AbakwaSABC 3 bakhangela iimbuso ezizakudlala kumdlalo omtsha oyidrama kumabonakude.

Inkqubo iThe Final Cut, echazwe njengefanayo neTop Actor SA neClass Act – ithe bhazalala kwiindawo ngeendawo ikhangela isakhono sokulinganisa. Apha, abalishumi elinesine bazakujongana nomnqantsa wokubonakalisa isakhono sabo sokudlala kwimiboniso kamabonakude.

Le mingeni iquka ukufunda imigcana yeshumi elinesihlanu lemizuzu ebhaliweyo; ukudlala indima engezothando; ukubumba umlinganiswa neminye.

Lo mdlalo uyaqala kwiSABC 3 ngeyeKhala 2017. Abo bacinga ukuba ingaba ngabadlali beqonga bangomso, mabaqinisekise ukuba base-Alexander Playhouse Theatre eMonti ngomhla we-13 kuCanzibe 2017. Abafunwayo ngabo balishumi elinesine abangazange bavela kumabonakude ngaphambili.

Ubhaliso luyaqala phakathi kwentsimbi yesibhozo kusasa ukuya kweyesithathu malanga. Ongenelayo abe uneshumi elinesibhozo leminyaka nangaphezulu ukuze angenele.

Kodwa kule mpelaveki siphuma kuyo, iFinal Cut ijonge eMgungundlovu, nalapho izakube ikhangela izakhono khona.