Iqokelele amanqaku apheleleyo i-Ajax Cape Town

UGrant Margeman we-Ajax Cape Town ufake igowuli lokuqala kumdlalo wanamhlanje.

UGrant Margeman noNdiviwe Mdabuka bafake amagowuli abalulekileyo namhlanje emalanga kumdlalo wePSL, i-Ajax Cape Town, ebethe kuwo iPlatinum Stars ngo’2-0 eCape Town Stadium. Bekunyanzelekile i-Urban Warriors iphumelele kulo mdlalo ukuze ikwazi ukuphefumla njengokuba isoloko iphakathi kwamaqela alwela ukusinda ezembeni. Emva komdlalo wanamhlanje, i-Ajax ithe ngcu kwindawo yeshumi – kodwa kusafuneka isebenze.

Eli qela laseKapa lizibonakalisile namhlanje ukuba ngokwenene lizimisele ukuyibethelela indawo yalo kwiPSL ngokuthi liqinisekise ukuba lifumana amanqaku apheleleyo kulo mdlalo. Ngomzuzu wesixhenxe i-Ajax ibiseyihamba phambili ngebhola efakwe nguMargerman ayifumene kuTravis Graham. UMark Mayambela noPrince Nxumalo bebengathi sisibawu enkomeni ngethuba bephethe mantsantsa iDikwena ebiphantsi koxinizelelo lwe-Ajax ebidlalela phambi kwabalandeli bayo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iDikwena ihamba emva ngo’1-0. Lo nto inyanzele abadlali bayo ukuba basebenze ngokuzimisela kwisigaba sesibini somdlalo. Izinto ziguqukile ngoba umdlalo uye walawulwa yiyo iPlatinum – kodwa ngelishwa layo ayikwazanga ukufumana neli lobika igowuli.

Komnye umdlalo wanamhlanje, iBaroka FC iphose ithuba lokusuka ekugqibeleni kwiPSL ngethuba iyeka iBloemfontein Celtic ifake igowuli lokulinganisa kumdlalo ophele ingu’1-1 eNew Peter Mokaba Stadium ngenjikalanga namhlanje. Kutshintshwe amacala iBaroka inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye. Inqaku elinye elifumene kulo mdlalo iCeltic liyincedile ngoba liqinise amathuba wayo wokuhlala kwiPSL emva kokusokola ixesha elide. Ukungaphumeleli kwayo iBaroka kongeze uxinizelelo kuyo ngakumbi.

Ajax Cape Town: Petersen, Isaacs, Pietersen, Coetzee, Lebusa, Graham, Mosadi, Margeman, Nxumalo, Mdabuka, Mayambela.

Platinum Stars: Mzimela, Mlilo, Mnguni, Mkhabela, Mpeta, Mere, Mathe, Nale, Ng’ambi, Msomi, Botes.