Izinto bungazazi ngoMafa Bavuma!

Kwakuphaya eQhorha, yayi ngulo mhla,  kwiminyaka engamashumi amathathu nesihlanu eyadlulayo ngethuba uMafa Bavuma, iTshawe, libon’ ilanga.

UBavuma ngumsasazi nomdidiyeli weenkqubo-ndaba zoMhlobo Wenene FM. Waqala ukusebenza njengentatheli kwiphephandaba lesiXhosa lakudala, iMvo Zabantsundu, waze wasebenzela iTruFM njengomfundi weendaba.
Intatheli yethu uSIM FREDDIE, iqokelele amanqaku athile, anokunceda umthandi nomlandeli walo msasazi ukuze amazi ngcono.
1. Wazalelwa kwisibhedlele iSettlers eRhini, kuba kwakungekho sibhedlele ngalo maxesha eAlicedale.
2. Amagama wakhe apheleleyo nguMafa Romeo Bavuma.
3. Walibona ilanga ngomhla we-27 kuTshazimpuzi/April ngo-1982. Namhlanje ugqiba 35 yeminyaka!
4. Bazalwa belithoba kokwabo, ngoku kushiyeke basixhenxe. UMafa ligqibelo.
Umkhuluwa nguMzukisi Kinini (Brakfesi), uBonisile, uBoniswa (ongasekhoyo), uLindile (ngethuba eselubhacweni wazithiya ngomkhuluwa wakhe uMzukisi, ngoko abanye bambiza uMzukisi), Nomsa, Thembisa, Nomalizo, Makhaya, ze kugqibele uMafa.
5.Kumthabathe ixesha ukuyeka ukuchama esengumntwana. Uyeke ephaya kwiminyaka elithoba. HAHAHA!
6. Esihlangwini unxiba uSize 7, esinqeni uphakathi ko-32 no-34, unxiba uMedium ngasentla.
7. Elona lungu lomzimba alithandayo kuye – zizandla kuba zithambile.
8. Uyathanda ukulala ngesisu xa elele.
9. Xa esendlini yakhe akukhonto ayenzayo – ubukela umabonakude ngelizama ukuziphumza.
10. Ukuba bengasasazi ngenguMfundisi enkonzweni, elo yayiliphupha lakhe esakhula.
11. Uphumelele amabanga aphakamileyo eHendrick Kanise High eAlicedale.
12. Inkqubo kanomathotholo ayithandayo yiBEE [nangomnye wabasasazi bayo] , uyazithanda neencoko zikaKhanya Gqiyazana, uyayithanda nenkqubo kaReggie noAmaza.
13. Amaphupha wakhe awafezekisileyo nazidlayo ngawo –  kukuba bubuso bukaMarkhams, ukuthweswa isidanga seeHonours kwisiXhosa, kungoku nje uxakekile esenza iiMasters kwaye  usandul’ ukuthenga indlu. 
14. Uqhuba imoto eluhlobo lwe-2015 Renault Captur eGrey.
15. Uzimanye ngeqhina lomtshato noKuhle Kim Mtshwane ngowe-4 kweyeNkanga ngo-2012.
16. Eyona nto ayithandayo ngenkosikazi yakhe yinkxaso  nothando lwayo.
17. Akunqwenelayo phambi kokuba abeneminyaka eyi-40 kukufumana iPHD yakhe kwizifundo zesiXhosa.
18. Ukutya akuthandayo lidombolo nolusu.
19. Uyayithanda kakhulu inyama, xa ingekho kuyafana nokuba akuphekwanga.
20. Isifundo esasinzima kuye esesesikolweni ziZibalo [ Maths ], kwanyanzeleka azilahle kwaGrade 10, ukuba wayeqhube ezenza – ngengazange ayifumane iExemption.
21. Akazange atshone banga ukusuka kuGrade 1 ukuya kuGrade 12.
22.  Okona kumenza acaphuke ngabantu abaxhomayo nabacinga babhetele kunabanye, abanyembayo nabonomona.
23. Akabaweli kuzibona engathobekanga, umthandazo wakhe ”Thixo ndigcine ndithobekile”
24. Akathandi kukhubekisa abanye, ixesha elininzi izimvo zakhe uzigcina kuye kuba engafuni kukhubekisa omnye, naxa kuxambuliswana – urhoxa msinya.
25. Ungutata wabantwana ababini, uBuhle (oyinkwenkwe) noCulo (oyintombazana).