INKULULEKO IDINGA UNONOPHELO NTSUKU ZONKE

  Emva kweminyaka engamashumi amabini anesithathu
sibona uMzantsi Afrika omtsha apho abantu baphila gabalala ngaphandle
ngokunyhukulana ngobuhlanga, ingaba ukhona ongavumelani nayo le nkululeko?

Oko kuxhomekeka kwinzuzo ejongwe ngabantu
kwinkululeko.

 Ingcaciso yenkululeko sayiva kakuhle kwintetho
yongasekheyo utata wesizwe mhla abekwa ngokusesikweni njengo mongameli
woMzantsi Afrika ePitoli ngomhla ka10 May 1994 xa wayesithi: “Siyayiqonda ukuba
indlela eya kwinkululeko inzima. Siyazi xa kungekho bumbwano asoze inkululeko
siyizuze ngokugqibeleyo. Ngoko kubalulekile ukuba sihlale sibambene, ukwenzela
kubenoxolelwano, kwakheke isizwe kwaye kudaleke ihlabathi elinoxolo.
Makubenobulungisa. Makubenoxolo. Makubekho intsebenziswano. Makudede intsokolo.
Asoze, asoze kwakhona lo mhlaba wethu umhle ngolu hlobo uphinde utshabalaliswe
yingcinezelo komnye ngomnye kwaye eli lizwe lakowethu alinakuze liphinde
libonakale nje ngelizwe elimdaka nelingenasidima. Makuntame inkululeko kwaye
kuphathe yona.”

 Njengokuba sibhiyozela iminyaka engamashumi amabini
anesithathu kwinkululeko, njengoRhulumente ophakamisa ubunye kumphakathi wethu,
ukulingana kwabantu kunye nendima yabo kwindlela abaphethwe ngayo
nguRhulumente, uphuhliso lwabantu kunye nokuphuhla kwezoqoqosho.
 

 Ingaba yintoni inkululeko kwaye ingaba silindela
ntoni kwinkululeko? Inkululeko ligama lemboleko elakhiwe kwintetho yamaGrike
ethi “Demo” kunye ne“Kratia” ethetha ukuthi “Abantu” kunye “Ukuphatha
ngesidima”. Oko kubonisa ukuba ngabantu abanamandla okuphatha kwilizwe eline
nkululeko. Oku kucaciswa kakuhle nguAbraham
Lincoln xa enika ingcaciso kaRhulumente
wenkululeko ethi “Eya bantu, ngabantu ukuzuza abantu.”

 Kungako inkululeko iquka ukukhululeka, uvoto,
izigaba ezintathu zikaRhulumente, amandla kubantu, ukunika uluvo ngaphandle
koloyiko, ukuthetha poqo, ukunqula ngokukhululeka, Iiofisi zikaRhulumente
eziphethwe ngentembeko.

 Kungako
ubomi benkululeko kuquka ukwehluka kunye nokwamkelana. Inkululeko ibonisa
intlonipho yesininzi nengcinga zabo kunye neengxoxo ezifumana izisombululo.

Kuyinyaniso
ukuba inkululeko ethi isebenze kwaye iphuhle yileyo ethi ibenamandla okuthi
iphuhlise abantu bayo besininzi.

 Enyanisweni
akukho mmiselo wepolitiki ongena zingxaki zawo. Ndiyavuma ukuba nangona
inkululeko ibonisa ukulingana phambili kwentambo yomthetho, ekuhlaleni kodwa
ukungalingani kwezoqoqosho kusaqhubeka kuyingxaki kwilizwe lethu.

 Kodwa ingaba oko kubonisa ukuba inkululeko
ayisebenzi okanye ayinaphuhliso? Akunjalo. Kakade inkululeko ifana nqwa
neqanda, yakhiwe ngobunono kwaye ithambile ngoko kulula ukuba yophuke.
Inkululeko idinga unonophelo ntsuku zonke ukuze inike iziqhamo
ezilindelekileyo.

 Inkululeko yethu ineenzuzo ezininzi kwezepolitiki.
Oku kubonakaliswa yindlela abantu bathi bahloniphane ngayo kwaye bamnkelane
kwezepoliti nangona kumanye amaxesha iingcinga noluvo lwabo lwahluka ngamanye
amaxesha.

 Inene, alukho uhlobo lukaRhulumente elingena miceli
mngeni, kodwa eyethu inkululeko isamelwe ngumzila wezinto ezintathu eziyi-
ndlala, intswelongqesho kunye nokungalingani kwezoqoqosho.

 Inkululeko inazo iingxaki zayo, kodwa umphakathi
awumelanga ukuba utyhafe ekuzameni ukuguqula izinto zibe ngcono.
Apha kunentetho edumileyo ethi “Inkathalo
engunaphakade lixabiso lenkululeko” neqhubeka ngokwamkeleka ekuhlaleni.
Ngokunjalo nakwi Nkululeko yethu elo xabiso lingunobangela wokuqhubeka
phambili.
 

 Ingxoxo esaqhubekayo yeyokuthi ingaba siqinisekisa
njani ukuba inkululeko inika iziqhamo, ukuba abantu bayaxhamla okanye bayazuza
kuyo le nkululeko, ukuvelisa amathuba, kunye nezinye iinkonzo eziveliswa
yinkululeko.

 Le yingxaki enkulu kwaye
engenakuphela. Kodwa, iluhobo lwengxaki egqamileyo kuwo onke amazwe aphila
phantsi kwenkululeko, kungako kumele inkululeko yeli lizwe kumele isebenze
nzima ukuvala ezo zikhewu.

 Kwiminyaka engamashumi amabini anesithathu,
siding izenzo, ucwangco kwipolitiki khona ukuze siqhubeke sinyathelele phambili
ngendlela ebonisa ukuphuhla nokukhula. Ngethuba lokujongana neengxaki
kwezoqoqosho, kwipolitiki, kwiimeko zasekuhlaleni, ukwakha inkululeko enika
iziqhamo kubantu bonke kwaye ithembeke sidinga ukubumbana khona ukuze
siqinisekise ukuba ilizwe liyaphuhla.

 Inkululeko idinga abantu,
intsebenziswano, ukunyaniseka, ukuthembeka, ukusebenza ngokuzinikeleyo, abantu
bathathevuxanduva lokusebenzisana. Inkululeko idinga unonophelo ntsuku zonke.

 Masonwabele iminyaka engama 23 sikuyo le Nkululeko eMzantsi Afrika.

 Phumulo Masualle yiNkulumbuso yePhondo le Mpuma
Kapa. Mlandele kwiqonga lonxibelelwano uTwitter @EC_Premier