Bafunyenwe benetyala abarhwaphilizi baseSenqu

 

Abasebenzi abaphezulu kumasipala waseSenqu bajongwe yijele okanye umdliwo ovisayo emva kokuba befunyenwe benetyala lokubhunyula lo masipala isixa-mali esingachazangwa.

 

Ngonyaka ka-2011 umanejala waseSenqu, uMxolisi Yawa, wafaka isicelo kuSodolophu walo masipala efuna ukunikwa imali yokuhlala kumzi weendwendwe (guest house) eAlivani emva kokuba eqeshwe kumsebenzi omtsha wokuba ngumanejala.

 

Kwesi sicelo, uYawa wadiza ukuba umgama ophakathi kweAlivani neLady Grey, apho umasipala waseSenqu uzinze khona, ziikhilomitha ezikwikhulu elinamashumi amabini. Oku ngamampunge, nanjengoko umgama phakathi kweAlivani neLady Grey izikhilomitha ezingamashumi amathandathu ananye.

 

Emva kokuba ehleli eLady Grey iinyanga ezimbini uYawa, waphinda wafaka isicelo sokuhlala kumzi weendwendwe eLady Grey iinyanga ezine, etyabula umasipala imali evisayo.

 

OoKhetshe bahletyelwa malunga noku ze basungula uphando. Ngonyaka ka-2014 kwabanjwa uYawa, igosa eliphezulu lezezimali (CFO) eSenqu uChristoffel Rudolph Venter kwakunye noosomashishini baseLady Grey uOctavia Bambilawu noElza Bambilawu.

 

Ngokophando, kufumaniseke ukuba uYawa ebengengomsebenzi omtsha eSenqu nanjengoko wayeqeshwe ngo-2001.

 

Esi sine sifunyenwe sinetyala yinkundla yengingqi yaseSterkspruit kwiveki ephelileyo. Kulindeleke ukuba kuwiswe isigwebo yinkundla yengingqi yaseAlivani ngomhla wamashumi amabini ananye kwinyanga yeKhala kulo nyaka.