Isonjululwe ingxaki yetyala lamanzi e-OR Tambo

 

Side safunyanwa isisombululo kwityala lamanzi lomasipala wase – OR Tambo nobetyala isebe lamanzi nogutyulo lwelindle kweli. 

Oku kusemva kokuba kuthe kwabanjwa indibano ekwiqoqo eliphezulu phakathi koMphathiswa wela sebe uNomvula Mokonyane, kunye nenkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumullo Musualle, nosodolophu waseOR Tambo uNomakhosazana Meth.


Umasipala waseOR Tambo ebetyala ela sebe lamanzi nogutyulo lwelindle imali ekumashumi asibhozo anesixhenxe ezigidi zeerandi (R87 Million).

 

Ethetha namajelo eendaba, uMokonyane uthi bavumelene ukuba lo masipala uzakuhlawula le mali ngezavenge de igqitywe.


“Sivene ukuba bazakuhlawula ishumi elinanye lezigidi zeerandi kuqala, baze bahlawule imali engange zigidi ezibini zeerandi ngenyanga nganye,” uthethe watsho uMokonyane. 

Lo mphathiswa, ngethuba ebekula ngingqi yase OR Tambo, ukwabambe indibano neenkokheli zemveli noluntu ngokubanzi, ecacisa ngenkqubela malunga nokwakhiwa kwedama.

 

Usodolophu wala masipala uNomakhosana Meth, yena uxelele uluntu lwase-OR Tambo ukuba amanzi awazukuphazamiseka nangaluphi uhlobo kula masipala.


“Ndinqwenela ukuxelela abantu ukuba mabathobe amaxhala akukho zingxaki zilindelekileyo zokunqumama kwamanzi kwindawo zase-OR Tambo, amanzi azakufumaneka ngaphandle kwengxaki,” uthethe watsho. 

Le mali izakuqala ukuhlawulwa ngenyanga yeKhala yalo nyaka, kulindeleke ukuba le ntlawulo iqhubeke isithuba seenyanga ezingamashumi amabini anesine ezizayo.

Iphulo lokuveliswa kwamanzi kwiMzimvubu Water Project yenye yeengxaki ezithe zaxoxwa kule ndibano.