Bafuna uLindiwe Sisulu abengumongameli kuQoboqobo

Lindiwe Sisulu

IFOWUNI kaSiphiwo Venkile, usihlalo wesebe leANC kwaWadi 11 eAmahlathi, isakhala nanamhla oku, efowunelwa ziinkokeli zeANC zivuyisana nenyathelo elithatyathwe leli sebe emva kokuba bephumele elubala besithi bafuna uLindiwe Sisulu ukuba azigqatsele isikhundla sobumongameli kwiANC.

Kwiveki ephelileyo, uSisulu utyelele ilali yaseTshoxa kuQoboqobo, apho ebesisithethi sembeko kumsitho wokutshintsha igama lesebe leANC ebelifudula libizwa njengeNtabakandoda ukuya kulibiza ngegama lalowo wayesakuba nguMongameli weANC uMfundisi Zaccheus Richard Mahabane.

UVenkile uthi bafuna uSisulu abengumongameli weANC ngenxa yengqiqo nokucikideka kwakhe kwimiba ephathelene nombutho.

“Siyayiqonda kona ukuba inkqubo yokuthetha ngeenkokeli ezifanele zikhokele umbutho ayikavulwa, kodwa abanye abantu kwiANC kudala bethetha futhi bengenziwa nto.

“Lo mama (Sisulu) sifuna abengumongameli kuba akabandakanyeki kula mabholo obuqhophololo aquka uqhogelwano nosapho lakwaGupta. Uyinkokeli ethetha into evakalayo futhi enamava kurhulumento,” kutsho uVenkile.

“Umama uSisulu uzalelwe kwiANC nanjengoko abazali bakhe [Walter Sisulu noAlbertina Sisulu] bamkhulisela phantsi kwalo mbutho. Lo mama uwugcine ngendlela entle umbutho wethu. Sinenkolelo yokuba angasiphathela la mbeko abazali bakhe babeyigcine ngayo iANC,” utshilo uVenkile.

Lo kaVenkile uthi bazakuya kwamanye amasebe bewarhwebesha ukuba alandele kulo mbono wabo.

“Ndifumana iminxeba ephuma mbombo zone zelizwe, ivuyela le nto siyenzileyo. Silisebe lokuqala ukuthetha phandle ngomama uSisulu,” utshilo uVenkile.

UVenkile uthi uSisulu ubaxelele ukuba xa ixesha livuliwe uzakubuyela kweli sebe azokubaphendula, malunga nokumchonga.