DOLOLO abasasazi beTruFM kumawonga kanomathotholo

ULunga Mantakana ekunye noPhethu Soga noLuks Gidane UMFANEKISO: Facebook

KODWA nasekubeni nje kukho imincili nokuvuyela iwonga likanomathotholo eTruFM, ikho noko indawo ethe khunubembe kuba beve ngokubaliselwa ngempumelelo yabo, batsho abasemfuthweni.

Emva kokuphumelela iwonga njengenkqubo ephambili yasemvakwemini koonomathotholo [Best Afternoon Drive Show] – iTruAfternoon yeTruFM, abasasazi bashiyeke bedanile kuba bakhwazwe eqongeni abasabela.

Le nkqubo ifumene ingqwalasela njengeyona inkqenkqeza phambili eMzantsi Afrika kumawonga kanomathotholo iLiberty Radio Awards ebezibanjelwe eRhawutini ngoMgqibelo odlulileyo.

Ulwimishe obalisele I’solezwe uthe, abasasazi khange babonakale eqongeni kuba khange bavunyelwe baye eRhawutini ukuya kuzimasa la mawonga.

“Baxelelwe kwantlandlolo ukuba ayikho imali yokubhatalela inqwelo-moya yokubasa kula mawonga neyendawo yokuhlala,” utshilo umhlobo osondele kwesa sikhululo.

Ubalisa athi, noxa abasasazi belivuyela eli wonga kodwa abakuthandanga ukungabikho kwabo.

Unokrawuzana uhambisa athi:

“Zonke izikhululo ze-SABC kuquka noonomathotholo abancinane bebephaya ukuya kwamkela amawonga abo. Kuthiwa bebebuzwa ngoogxa babo, kodwa babe bengabonakali nangetshengele,” ubalise watsho lo nokrawuzana.

Uthi “eyona nto ibadanisileyo abasasazi kukungayi kuzibonakalisa nokumela isikhululo sabo – kuba lowa ibingumcimbi omkhulu kubasasazi bezikhululo zikanomathotholo bonke.”

UManejala weentengiso kwesa sikhululo uSbongi Ngcobo, uthe: “Ayiyonyani ukuba bonke abasasazi beSABC bebezimase la mawonga. Luxanduva lomphathi-sitishi ngamnye ukuba yeyiphi imicimbi enokuzinyaswa ngabasebenzi. I-SABC ibimelwe kakuhle kwiLiberty Radio Awards.”

Sibuza ukuba abasasazi inokuba bazive njani ngokungayi kwamkela iwonga lesikhululo, uphendule wathi uNgcobo:

“Maninzi amawonga nemicimbi isikhululo esingathanda ukuya kuyo, okanye sithumele abasebenzi kuyo. Kodwa ngokwelishwa, ngenxa yezimali asinokuyizimasa yonke,

“Isikhululo sinohlahlo lwabiwo-mali luka-2017/18 esisebenza ngalo. Oomanejala besikhululo benza nantoni na ukwenza umlinganiselo wokunciphisa iindleko naphi na apho kufanelekileyo.”

I-TruAfternoon isasazwa nguLuks Gidane owayefudula ekuMhlobo Wenene fm, ekunye noPhethu Soga noLunga Mantakana.

I-TruFM izithathele amawonga amabini kulo msitho weLiberty Radio Awards; iwonga leBest Afternoon Drive Show, yaphinda yawongwa ngeBright Star enikwe ityendyana lesa sikhululo uLwazi Mpofu.