Ayangcwatywa amathambo wejoni leApla

Umphathiswa uMajodina, igosa lomasipala iBuffalo City Metro kwakunye namalungu osapho lakwaJako phambi kwamathambo kaJako.

Ibe zizijwili kusapho lakwaJako ngoLwesithathu ngethuba kugaleleka amathambo etshantliziyo lejoni le (Apla) uNkululeko Jako kwisikhulo seenwqwelo-moya eMonti, efika noMphathiswa wezoBugcisa, iNkcubeko kwakunye neMidlalo ephondweni uPemmy Majodina.

 I-Apla yayiliphiko lomkhosi wePan African Congress (PAC) ngethuba kwakusiliwa ingcinezelo.

Amathambo kaJako agaleleke kwesi sikhululo ukusuka phesheya kweelwandle eBirmingham eBhritani.

 

UJako uyangcwatywa ngoMgqibelo kwikhaya lakhe eMonti emva kweminyaka wemkayo. Wabhubha ngo1983 eselubhacweni eBhritani, emva kokulifulathela eli ngonyaka ka1963 .

 

UMajodina uthi, okuye kwamlilisa xa ebona inginginya yoluntu ukufika kwakhe kuzokwamkelwa amathambo eli tshantliziyo kwesi sikhululo kukuba,  akukhange kube lula ukufumana amathambo kaJako.

 

“Okubangela ukuba kungabilula ukufumana la mathambo kukuba lide eli thuba awamka ngalo uJako. Ayiyonto incinci iminyaka engaphaya kwamashumi amahlanu. Ndisokolisene namagosa ela lizwe bendifuna izinto ezininzi ezifana namapasi wakhe kuba besithi abanokukwazi ukusinika amathambo omntu ngaphandle kweziqinisekiso ezithile. Kodwa okubalulekileyo kukuba ude wabuya.” utshilo uMajodina.

 

Usihlalo wombutho wePAC ephondweni uKhwezi Dalasile, ubulele urhulumente ngeenzame ezingaka azenzileyo phantsi kobunzima bokufumana ugxa wabo. Uyangcwatywa kumzi wakhe eAmalinda eMonti ngomso.