Bakhusela uMprofeti uOmotoso

UMprofeti uTimothy Omotoso UMFANEKISO: FACEBOOK

Amalungu ebandla likaMprofeti uTimothy Omotoso, iJesus Dominion International, akhwele ezehlela kubantu basetyhini ekudizwe ukuba bavule amatyala okuhlukunyezwa ngokwesondo yile nkokeli yale cawe. Bayabuza ukuba bebelinde ntoni lonke eli xesha bengayi emapoliseni.

Oku bakutsho kuFacebook, kwikhasi lomnatha ekukholelwa ukuba liqhutywa ngamawele aseThekwini adume ngokuthatha inxaxheba kwii-Idols SA, * -Anele noNeliswa Mxakaza baseChesterville.

Uninzi lwabantu kweli khasi lomnatha bathi ukuba eneneni banyanisile aba bantu batyhola lo mprofeti bekumele ukuba abazifihli.

Oku kube ngundaba-mlonyeni emva kosasazo lwesiqendu esingoku kwiSpecial Assignment, nalapho kuvele khona abasetyhini abathi bebenukunezwa ngokwesondo ngu-Omotoso.

UWendy Shannon obekubhalwe ukuba uyimvumi kweli bandla, ubhale kuFacebook wakhe wathi abantu mabaye kuzama kwenye indawo, bona ngekhe bashukunyiswe zezi zityholo. Uthe abasetyhini babengakhonjwanga ngompu, kwakumele babike izehlo ezo emapoliseni.

Amawele abonise ukuphatheka kakubi kuFacebook wawo, nento abayibize njengokurhuqelwa phantsi kwesidima salo mprofeti. Athi * -Omotoso uyindoda ethunywe nguThixo futhi oku kutshiwo ngaye bubuxoki.

U-Anele uthe; “Ndisakholelwa kuTata nokuba kukho izinto ezithethekayo ngaye. UThixo sele eveze izinto kum, ezenza ukholo lwam luvuseleleke.”

UNeliswa ubonise ukutsaleka koku, waze walibeka latsola ukuba abantu baswele into abanokuyithetha futhi banesithukuthezi.

Uthe: “#RevTimOmotoso, ndafumana ithuba lokudibana nawe, ndakwazi ngaphandle nangaphakathi ushumayela. Uyindoda enencoko futhi ehlala ithetha ngoKrestu neBhayibhile. Ngaphandle kokuthi ndiyakuthanda, uThixo undibonisile, wandityhilela indoda elungileyo oyiyo. Ngokwenene uThixo undibonisile ukuba uyindoda yokwenyani kaThixo futhi ukufutshane nentliziyo kaThixo, ngoko akukho okwedlula oku ndizakuthetha #iLoveTimOmotoso qha qwaba!!” kubhala uNeliswa.

Kweminye imibhalo, ugxeke abasetyhini abaphumele elubala wathi bayamcaphukisa ngesenzo sabo.

Ngaphambili, kwadizwa ukuba la mawele ashiya ikhaya lawo emva kokukhutshwa kwii-Idols, ayokuhlala emzini walo mfundisi eMhlanga, agqibela ngokuba yinxalenye yeqela lomculo lebandla iGrace Galaxy.

Unina washiyeka ebalisa ngelithi akasabazi abantwana bakhe, kuba nabo beshiye ikhaya bengasafuni nokuwubeka umcondo. Akuphelanga xesha lide balilaxaza iqela lebandla ngelithi abavunyelwa ukucula ngaphandle, kufuneka bagxile enkonzweni kuphela. Imizamo yokufumana amawele ayiphumelelanga.

*Funda izimvo zikaDee Lukes ngalo mba kaOmotoso

kwiphepha 8.