Amatsatsantsa athunukwe yiDowns, eTshwane

Themba Zwane of Mamelodi Sundowns challenges Onismor Bhasera of Supersport United during the Absa Premiership match beween Supersport United v Mamelodi Sundowns on 19 April 2017 at Lucas Moripe Stadium ©Sydney Mahlangu /BackpagePix

Aphindiwe kwakhona Amatsatsantsa a Pitori! Namhlanje iMamelodi Sundowns iyibethe ngo’1-0 iSuperSport United kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubambene phambi kokufakwa kwegowuli lokuqala nelokugqibela eLucas Moripe Stadium. Njengokuba iSuperSport United ibizimisele ukubuyisa isixhiba emva kokubethwa ngo’5-0 kwiveki ephelileyo, namhlanje iDowns ithathe ngokuyithunuka nje – yanikezela yanikezela emva koko. Ngoku iDowns iphumelele imidlalo esixhenxe ingabethwa yiSuperSport United kwimidlalo yala maqela asePitoli. Igowuli leSundowns lifakwe nguHlompho Kekana ngentloko sekusondele ixesha lokuphela komdlalo.

Umdlalo awubanganazo iintlantsi njengalowa udlulileyo – kodwa ngabadlali beDowns abafana noPercy Tau noKhama Billiat abathe bankqonkqoza kwimizuzu yokuqala emdlalweni. Abadlali beSuperSport badlale umdlalo odibeneyo kweli ityeli. Baphoxwe nje kukungena kwegowuli – ngapha koko badlale ngcono. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho cala lifuna ukugoba uphondo. Le mpumelelo ithetha ukuthi iDowns ihleli kwindawo yesine kwaye ibuyele phakathi kwamaqela alwela indebe yePSL emva kokudlala imidlalo emihlanu ingaphumeleli.

Nangona iSuperSport United idlale ngcono kuno mdlalo odlulileyo – kodwa abadlali abafana noKingston Nkatha noJeremy Brockie abakwazanga ukufumana eyona nto ibalulekileyo – amagowuli kulo mdlalo. Ukufeda kwayo kwezi ntsuku kwenza ukuba ishiywe ngamanye amaqela agxeleshi indebe.

Komnye umdlalo, iCape Town City isahleli phezulu kwiPSL emva kokubambana ngo’1-1 neBidvest Wits kumdlalo obuseCape Town Stadium. IWits ihambe phambili umdlalo usaqala emva kwepenela efakwe nguPhakamani Mahlambi. Kutshintshwe amacala iCitizens irhorhozela emva. UTshepo Gumene, ofumene ibhola entle ku-Aubrey Ngoma, ufake igowuli leCape Town City lokulinganisa kwisigaba sesibini. Ngoku iWits ihleli kwindawo yesibini. Yona iPolokwane City izibethele iPlatinum Stars ngo’1-0 kumdlalo obuse-Old Peter Mokaba Stadium.