Ezinye zezinto ubungazazi ngoBetusile Mcinga!

Lusuku lokuzalwa kwemvumi yomculo wegospile uBetusile Mcinga. Ngolu suku lwanamhlanje sikhethe ukutyhilela ezinye zezinto esicinga ukuba unokungazazi ngoBetusile.
1. Wazalelwa kwilali yaseChamshe kwidolophu yakuGatyane ngowe-19 kuTshazimpuzi/April ngo1985  ( kudala ubawela ukuyazi iminyaka yakhe? Nantso ke!).
2. UBetusile ngunyana nomntwana wokuqala kubantwana abathandathu bemvumikazi yegospile uLusanda Mcinga.
3. Emva kwakhe kulandela uSinalo, uKamva, uHlela, uKhanya noAlude.
4. Amagama apheleleyo nguBetusile Kwazi Mcinga.
5. Uthanda ukulala ngesisu xa elele.
6. Isihlangu: Unxiba uSize 7. Esinqeni: 32. Ngasentla: Medium (Kwabo bazamthengela izipho).
7. Wakhe walitshona ibanga lesithoba (Grade 11).
8. Uphumelele ibanga leMatriki eKing Commercial College (KCC) ngo-2004.
9. Ukuba bengaculi ngengusomashishini.
10. Uyalithanda idombolo nenyama.
11. Eyona nto emenza umsindo ngumntu othetha ubuxoki ngaye.
12. Uthanda umbala onavy nomnyama empahleni.
13. Uzimanye ngeqhina lomtshato ngowe-30 kweyoMnga ngo2009, unabantwana abathathu.
14. Ukuba bengaculi mculo woKholo ngeyimvumi yeAfroSoul.
15. Eyona nto eyakhe yamenza iintloni, yimini apho wayehanjiswa sisisu eseMossel Bay -kwanyanzeleka eshiye amalungu acula nawo eqongeni aye kwindlu yangasese.
16. Akukhonto ayoyika ukodlula inyoka.