Ubomi ejele kowadlwengula amakhosikazi amabini

IgwetyWe ubomi yinkundla ephakamileyo yaseMthatha indoda yaseNgqamakhwe, emva kokuba ifunyenwe inetyala lokudlwengula abasetyhini ababini nabazalanayo.

USithembele Ganda (33) wadlwengula uLiziwe Tom (24) kwakunye noQukezwa Tom (77) akugqiba wababulala ngaxeshanye kwikhaya labo, kwilali yaseZolo eNgqamakhwe ngo2012.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha, uGanda wazama nokubulala umntwana owayengaphakathi namaxhoba emva koko wayokumfihla emva kwendlu, nangona waye wasinda ekufeni.

“Unobangela wokubulawa kabuhlungu kwamaxhoba kukuba uGanda wayenengqondo zokuba anemali nanjengoko wawabona esuka evenkileni emini. Oku kwenzeka ngomhla wamashumi amabini anesine kwekaCanzibe ngo2012 kwilali yaseZolo,” utshilo uManatha.

Le ndoda izakuchitha ubomi bayo entolongweni ngamatyala efunyaniswe inawo yinkundla ephakamileyo yaseMthatha ekuquka – elokubulala, elokuzama ukubulala kuquka nelokudlwengula.