‘Sasokola mhla wophuka isinqa umama’

UNogcinile ongasekhoyo ongunina kaDumisani Nokama waseCumakalaUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UNOGCINILE Nokama ubhubhe sele engakwazi ukuziyela kwindlu yangasese ezithuma ebhedini kulandela ukophuka isinqa kwingozi yemoto awayeyifumene ngonyaka ka-1998.

Eyona nto yenza usapho lwakhe kwilali iNdakana eCumakala lube buhlungu, kukuba lo mama akazange ayifumane imali ekhutshelwa amaxhoba eengozi yingxowa-mali yakwaRAF.

Phambi kokuba onzakale kwingozi yemoto eyayenzeke eCumakala, uNogcinile wayengumnini wevenkile emzini wakhe. “Wayeka ukuthengisa mhla wagaxeleka engozini, eyamshiya ephuke isinqa. Saqala ukusokola mhla umama wophuka isinqa,” kutsho uDumisani Nokama, ongunyana kaNogcinile.

UNogcinile ubhubhe kunyaka ophelileyo, engazange afumane nesenti emdaka kwaRAF. Wayeneminyaka engamashumi amane ananye ngethuba esonzakala ngo-1998.

UDumisani uthi intsokolo abadibene nayo ngethuba umama wabo ebengakwazi ukuzihambela iminyaka elishumi elinesibhozo, yengathethekiyo.

“Besimthutha ngekiliva xa efuna ukuya endaweni. Uzityhutyhile izibhedlele engafumani kuncedeka. Ukuba umama wayengazange agaxeleke engozini, ngendalifumana ithuba lokuya kufunda eyunivesithi,” kutsho uDumisani.

“Ndiyayifuna imali kamama. Ukuba ndingayifumana ndingamakhela ilitye lengcwaba lakhe elisemgangathweni. Umbuzo endinawo kukuba iimali zabantu abonzakele kwiingozi zemoto ziyaphuma kwaRAF, ekamama kutheni ingazange iphume?” utshilo uDumisani.

Uthi bazenzile iinzame zokuncediswa ngamagqwetha, kodwa zange babone nepeni egoso. “Sisebenzise amagqwetha ade amathathu, kodwa asizange sifumane uncedo okanye iimpendulo kula magqwetha,” utshilo uDumisani.

UDumisani yindoda ekwiminyaka engamashumi amathathu anesine, enenkosikazi nabantwana ababini. Baphila ngemali yesibonelelo sabantwana kwakunye nemisetyenzana engephi.

Igosa lezonxibelelwano kwaRAF uEarnest Nkuna, walile ukuphefumla esithi imithetho yale ngxowa-mali iyabakhonkxa ekudizeni iindaba zabo bafake izicelo. UNkuna ucele ukuthunyelelwa iinkcukacha zakwaNokama.