Ibingunogumbe wamagowuli kwimidlalo yePSL

Themba Zwane of Mamelodi Sundonws celebrates a goal with teammates during the 2017 Absa Premiership 2016/17 match between Mamelodi Sundowns and Supersport United at the Loftus Stadium, South Africa on 13 April 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Namhlanje ibingumogumbe yamagowuli kwimidlalo emibini edlaliweyo. IMamelodi Sundowns ibethele oogqirha nezicaka iSuperSport United ngo’5-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubukelwe ligcuntswana labalandeli eLoftus Versveld Stadium. Kanti kwelinye icala iCape Town City ivuthulule iPlatinum Stars ngo’4-2 kumdlalo obuseMoruleng Stadium.

Idabi lamaqela asePitoli libanzima maxa onke xa kudibene la maqela – kodwa iSundowns izibonakalisile ukuba ngoomakhwekhwetha bokwenene. Ngomzuzu wesithathu kulo mdlalo, uPercy Tau, uphose ithuba angasoze alilibale emva kokunikelwa ibhola nguHlompho Kekana. Kodwa emva koko iDowns ifumene igowuli lokuqala elifakwe ngempazamo nguClayton Daniels emva kwebhola ebikhatywe nguTau. Amakhwenkwe kaPitso Mosimane agalele imvula yamagowuli.

UThemba Zwane ufake elesibini, kwalandela uMzikayise Mashaba noKhama Billiat okhabe ibhola eshiye uReyaad Pieterse ethe natya phantsi. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iDowns ihamba phambili ngo’4-0 emva kokusilawula isigaba sokuqala somdlalo. Isigaba sesibini besingenamtsalane kangako – kodwa uBiliat ubhalise igowuli lakhe lesibini emdlalweni kumzuzu wamashumi amathandathu anesibini emva kokufumana ibhola egotywe kakuhle nguTeboho Langerman. Emva kwemidlalo emihlanu ingaphumeleli imidlalo yayo, iDowns ifumene amandla kwakhona.

Pedro Maphelo's photo.

Thato Mokeke of Cape Town City is challenged by Issac Nhlapho of Platinum Stars during the Absa Premiership match between Platinum Stars and Cape Town City on 13 April 2017 at Moruleng Stadium ©Sydney Mahlangu /BackpagePix

Kumdlalo obuseRustenburg, iiCitizens, ziqokelele amanqaku amathathu zatsho zabuyela kwindawo yesibini kwiPSL. Abadlali baka-Eric Tinkler balwela indebe yePSL, ukuphumelela ngamagowuli amaninzi akothusanga emva kokubetha iChippa United ngamagowuli afanayo kutshanje. Amagowuli weCape Town City afakwe nguThabo Nodada, uLehlohonolo Majoro, uJudas Moseamedi no-Aubrey Ngoma. Amabini wePlatinum afakwe ngu-Enocent Mkhabela noHenrico Botes.