Mazichithwe ngenkathalo iiholide zePasika, kubongoza amapolisa

 

Amapolisa aseMpuma Koloni abongoza uluntu lwephondo ukuba luzichithe ngenkathalo iiholide zePasika.

 

“Izikrelemnqa zigada amathuba afana neeholide ukwenza ulwaphulo-mthetho.

 

“Noxa nje siyazi ukuba iPasika lithuba lokuphumla kwabanye, sicela abantu bakuthi ukuba baqaphele ingakumbi kumba wokusetyenziswa kotywala,” kutsho obambele njengoMkomishinala wamapolisa ephondo uMajor General Andre Swart.

 

Amapolisa athi iphulo lawo, uOperation Paseka, lizakuqhuba ngale mpelaveki. Eli phulo liquka ukuvalwa kweendlela kugqogqwe iimoto nabantu.

 

USwart uthi amapolisa azakubonakala kuyo yonke iMpuma Koloni, ingakumbi kwiindawo zolonwabo eziquka iilwandle.

 

Kusenjalo, umbutho iANC kuzwelonke, unqwenelele uluntu loMzantsi Afrika iPasika emyoli nezukileyo. “Sixhalabile lugwayimbo lwabaqhubi beebhasi, kuba luza kuchaphazela abakhweli abaninzi. Umnqweno wethu kukuba makusonjululwe ukungavisisani phakathi kwabaqhubi nabaqashi,” kutsho igosa lezonxibelelwano kwiANC uKhusela Sangoni.

 

Nombutho iUDM ubongoze abaqhubi ukuba baqhube ngononophelo ezindleleni. “Masizame ukunqanda le nyhikityha yokubhubha kwabantu ezindleleni,” kutsho iUDM kwimbalelwano.