Imbaleki yaseNgcobo ithathe iTwo Oceans namhlanje

Lungile Gongqa ((25783) wins the mens race at the 2017 Two Oceans Marathon in Cape Town, finishing at UCT Rugby Fields on 15 April 2017 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Imbaleki yaseNgcobo, uLungile Gongqa, ubhale iincwadi zembali ngokutsha kwezembaleki ngethuba ebamba indawo yokuqala kugqatso olukwinqanaba lehlabathi, iTwo Oceans, eKapa, kusasa namhlanje. UGongqa uphumelele iTwo Oceans emva kokubaleka ixesha eliziiyure ezintathu, imizuzu esithoba nemizuzwana engamashumi amane anesithathu (3:9:43). Le ndedeba, 38, eneminyaka eliqela ibaleka imigama emide kwikhono layo njengembaleki, ibaleke ngokuzimisela okukhulu nangona ibiswantsuliswa yimbaleki yaseLusuthu kumashumi amathathu yemizuzu yokugqibela – kodwa ngethamsanqa ukwazile ukuwabeka emva kwakhe ekugqibeleni.

UWarinyane Lebopo waseLusuthu ubambe indawo yesibini emva kokuzama ukumsokolisa uGongqa kwiikholomitha ezimbalwa zokugqibela. Lo kaLebopo ubaleke ixesha eliziiyure ezintathu, imizuzu elishumi namashumi amabini ananye emizuzwana (3:10:21).

UGongqa waqala ukuthath’inxaxheba kolu gqatso lweTwo Oceans ngo’2012 – unyaka awazamayo ngayo noxa waphetha ebamba indawo yamashumi amabini anethoba (29). Emva kweyure ibilugquba lamadoda ahamba phambili kolu gqatso – kodwa kuthe xa ziya entanjeni ahluzana.

Pedro Maphelo's photo.

Maryna Damantsevich (50852) from Belarus wins the Womens race during the 2017 Two Oceans Marathon in Cape Town, finishing at UCT Rugby Fields on 15 April 2017 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Kumanenekazi kuphumelele uMaryna Damantsevich emva kokubaleka iiyure ezintathu, amashumi amathathu anesixhenxe neshumi elinesithathu lemizuzwana (3:37:13). Emva kwakhe kulandele uJenna Challenor noTanith Maxwell abangabalapha eMzantsi Afrika. UDamantsevich uhambe phambili kwicala lamanenekazi kwangoko kolu gqatso, into ethe yamnika amandla ngakumbi.