Bazakunikwa ingqwalasela abafana baseCumakala

Nomfuneko Salaze

Ubomi babafana bakwilokishi iMlungisi eCumakala sokuze buphinde bufane emva kokuba inkosikazi yale ndawo ibhinqe omfutshane ibalungiselela ikamva elililo.

UNomfuneko Salaze, nongumsunguli wobumtho ongenanto yakwenza narhulumente, iKusile Women Empowerment uthi, nangona nje lo mbutho wakhe ujongene nokuphuhlisa amanina nokulwa nokuxhatshazwa kwawo, ubone ukuba kwesi isiqingatha akhe ajongane nephulo lokuphuhlisa amadoda.

USalaze uthi isizathu soku ngunobangela wobundlobongela kwakunye nokuba zizisulu kwamanina ngamadoda.

“Maninzi amadoda kwakunye nabafana abangenanto yakwenza apha eCumakala, nto leyo eyenza ukuba kunyuke nezinga lobundlobongela.

“Ibuhlungu into eyenzeka apha, kutshaywa iziyobisi kwaye bangena nzulu kuba bezama ukususa umthwalo kwakunye noxinzelelo. Sele bebizwa nangegama lokuba ngamaPharaphara abafana balapha kuba bengoongantweni,” kutsho uSalaze.

“Amakhaya ophukile akukho siseko, akusekho nkxaso bayifumanayo baphelelwe ngamathemba. Umntu uphela ezonwabisa ngokutshaya akugqiba amoshe. Kungoko sibone ukuba singenelele umahluko ungakhona kuba abadalwanga benje kwaye uThixo angayitshintsha impilo yomntu ayenze ibesisifundo. Banokutshintsha kwezimeko kuba zenziwa ziimeko zenkxwaleko,” utshilo uSalaze.

Uthi ikhaya elishushu nelinothando, inkxaso ingakhona emntwaneni kwaye nekamva lingakhona apho kubantwana belo khaya.

USalaze uthi, bakwiphulo noPastor Thabo Mkenkcele lokudibanisa abafana bala mmandla bebaxelela ngokubaluleka kokuba ngutata kwaye nokuba yindoda kulindeleke ntoni kuwe.

Phakathi kwezinye izinto ezenziwa yiKusile Women Empowerment:

Igcina amaxhoba odlwengulo okanye abethiweyo iiyure ezingamashumi amabini anesine kweli khaya.

*Ikhapha amaxhoba adlwenguliweyo ayokuvula ityala emapoliseni

*Ityisa abahlali abangathathi ntweni rhoqo ngosuku ukutya, ngenkxaso abayifumana kuStop Hunger kwakunye neevenkile zala mmandla.

*Iphulo lokungena indlu nendlu ukujonga ukuba impilo injani kumakhaya.

*Ikhapha ixhoba eliyokuvela enkundleni ngeliyokunika inkxaso.

*Isebenzisana nesebe lophuhliso lwentlalo yoluntu.

Owona mcelimngeni bajongene nawo kukungabina ndawo inkulu yokugcina amxhoba kwanokutyisa uluntu. Kungoko ebongoza urhulumente ekubeni abakhele indawo enkulu enokuthi iginye abo bantu.

Eminye kungeentsuku zokurholwa kwemali yesibonelelo sabantwana apho abantwana bashiywa bodwa emakhaya ngabazali abayokunxila imali leyo yabantwana.