Pitso Mosimane: Andihlonitshwa kweli lizwe

Pitso Mosimane, coach of Mamelodi Sundowns argues with 1st assistant Referee, Peter Chauke during the Absa Premiership 2016/17 match between Mamelodi Sundowns and Bloemfontein Celtic at Lucas Moripe Stadium, Atteridgeville South Africa on 05 April 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Emva kokunceda iMamelodi Sundowns xeshikweni iphumelela inqwaba yeendebe kule minyaka idlulileyo, uPitso Mosimane uthi akanikwa intlonipho emfaneleyo kweli lizwe kwaye ugrogrisa ngokukhangela umsebenzi ngaphandle kwemida yelizwe loMzantsi Afrika. UJingles ubandakanyeke kwenye ingwxaba ngxwaba ngempelaveki edlulileyo ngethuba enyhilana ngamazwi nomanejala weGolden Arrows, uGordon Masondo, kanye emva kokubethwa ngo’1-0 kwiNedbank Cup. Kanti phambi koko, uPitso uxabene negosa lokhuseleko leKaizer Chiefs emva kokuba iqela lakhe labethwa ngo’2-1 kumdlalo wePSL, eFNB Stadium.

“Umphathi we-Arrows uze endaweni yam,” utshilo uPitso emva komdlalo.

“Mhlawumbi kukho iyelenqe endilenzelwayo. Inene andazi. Abantu bathumela abantu kum ukuze bazokundixhokonxa. Andikhuselekanga konke konke ngoku, yintlalo endiyihlelieyo leyo apha kwiPSL. Ukhona umntu ondikhathaleleyo? Abantu bavele beze kum ukuzondiphazamisa,” utshilo uPitso.

Emva kwexesha elide iMamelodi Sundowns ingapha nangapha ngenxa yemidlalo eminzi kwiCaf Champions League, kwiPSL nokonzakala kwabadlali abasixhenxe abaphambili – ngoku kuyabonakala ukuba ezo zinto ziyayiphazamisa iDowns. Imidlalo ide yangaphaya kwesihlanu ingaphumelelanga nomnye. Ukubethwa kwayo iDowns kwimidlalo emibini ilandelelayo kumshiye uPitso engazi nokuba makathi yintoni ingxaki. Emva kwayo yomibini le midlalo, umqeqeshi ubeke izizathu ezifanayo ezibangele libethwe iqela lakhe waphinda wabalula ubukhu nempumelelo ezuzwe yiSundowns ngethuba iqeqeshwa nguye.

“Ndiyaqonda ngoku ukuba kutheni kunje. Wonke umntu ufuna ukubetha iSundowns ngoba siliqela elikhulu. Abantu benza nantoni ukuze basibethe. Elona xhoba labo ndim ngoba kunzima ukufumana abadlali. Kuziwa apha kum ngoba ndim okhokela iqela. Ukuba kwibhola yaseMzantsi Afrika yindlela endiphathwa ngayo le, ndingase ndihambe ndiyoqeqesha kwenye indawo. Ndiyayithanda ibhola ekhatywayo futhi ndingayosebenza nokuba kuseLesotho. Sendifumene imali eyoneleyo mna ebholeni. Ukuba abantu bacinga lonele igalelo lam ebholeni, kulungile. Kwanele ngoku, andihlonitshwa kakade kweli lizwe,” utshilo uPitso.