IPirates, Wits neBaroka ziqokelele amanqaku

Dove Wome celebrates a goal with Tendai Ndoro of Orlando Pirates during the 2017 Absa Premiership 2016/17 match between Orlando Pirates and Maritzburg United at the Orlando Stadium, South Africa on 11 April 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Amabhaka-bhaka afumene impumelelo yawo yokuqala kulo nyaka ngethuba ebetha iMaritzburg United ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer league kobu busuku e-Orlando Stadium. Igowuli lokuqala lifakwe ngu-Ayanda Gcaba ngentloko emva kokufumana ibhola ebisuka ekoneni ngomzuzu weshumi elinesithathu kwisiqingatha sokuqala.

Rhoqo xa kudibene la maqela mabini kuye kubonakale ukuba kudibene oomakad’ezondana. Nalo umdlalo wanamhlanje ubungohlukanga kweminye yangaphambili. Nangona isiqalo besiphantsi nje kulo mdlalo – kodwa akhawuleze washushu. Omabini amaqela bekubonakala ukuba akafuni kulahlekelwa kwimizuzu yokuqala yomdlalo.

UMpho Makola no-Oupa Manyisa bebethande ukukhathaza kakhulu abadlali basemva beTeam of Choice. Phaya phambili kwiMaritzburg United, uDeolin Mekoa no-Andrea Fillecia, bazamile ukuvula amathuba – ngelishwa labo bafike uHappy Jele noGcaba bevale mba. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye.

Zisuka nje kwisigaba sesibini, uTendai Ndoro, ufumene ithuba elihle – kodwa ibhola yakhe ihambe phezulu kwepali. UFadlu Davids wenze iinguqu kwisigaba sesibini. Ukhuphe uFellicia noMaboe, kwiindawo zabo kungene uKurt Lentjies noBlessing Moyo. Mazamile ukushukumisa ekungeneni kwabo phaya phambili. Iinzame zabo ziphazanyiswe ngabadlali ababini be-United abafumene amakhadi abomvu. Umqeqeshi wePirates, uKjell Jonevret, ufake uDove Wome ofike wafaka igowuli lesibini. Yaba iPirates ifumana impumelelo eyisuse kwindawo embi kakhulu kwiPSL. Ukufumana kwayo la manqaku namhlanje iBucs kuyithathe kwayilahla kwindawo yethoba kwiPSL.

Pedro Maphelo's photo.

Gabadinhno Mhango of Bidvest Wits celebrates goal during the Absa Premiership 2016/17 match between Bidvest Wits and Golden Arrows at Bidvest Stadium, Johannesburg South Africa on the 11 April 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Komnye umdlalo obutak’iintlantsi, iBidvest Wits, izinkulele iGolden Arrows ngo’3-0 eBidvest Stadium kobu busuku. Ngokufumana kwayo la manqaku mathathu ngoku iWits ibuyele kwindawo yokuqla kwiPSL. Amagowulu amabini kulo mdlalo afakwe nguMogakolodi Ngele, laze elinye lafakwa yifolosi ekhathaza kakhulu – uGabadinho Mhango, ovalele emnatheni ipenela enikwe iWits kwimizuzu yokuqala kulo mdlalo. Abadlali bakaClinton Larsen bazamile ukufumana amagowuli – kodwa ngelishwa labo lide laphela ixesha bengafumananga nto kulo mdlalo.

Yona iBaroka FC ifumene amanqaku amathathu emva kokubetha iFree State Stars ngo’2-1 kumdlalo wePSL eNew Peter Mokaba Stadium. Ngoku iBaroka ihleli kwindawo yeshumi elinesihlanu. Kumdlalo obuseNelson Mandela Bay Stadium, iChippa United ibambene ngeqanda nePolokwane City.