UPaez uncede iChiefs kwiNedbank Cup

Gustavo Paez of Kaizer Chiefs celebrates 2nd goal during the 2017 Nedbank Cup Last 16 match between Acornbush United and Kazier Chiefs at Kabokweni Stadium, Kabokweni South Africa on 09 April 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UGustavo Paez – ifolosi eyenza umsebenzi oncomekayo kwezi ntsuku – uzibonakalisile namhlanje ukuba ngokwenene angathembela kuye Amakhosi emva kokubuya namagowuli amabini kumdlalo angene njengelalela kuwo. IKaizer Chiefs ibethe iAcornbush ngo’2-1 ebunzimeni kumdlalo weNedbank Cup eKabokweni Stadium namhlanje emalanga. Ngomzuzu wamashumi amabini anesixhenxe i-Acornbush iphulukene nomdlalo wayo ophambili, uSandy Nyathi, onikwe ikhadi elibomvu ngenxa yokunyathela kakubi uWillard Katsande.

Lo nto khange iyityhafise konke konke i-Acornbush ngoba iqhubele phambili nokuhlasela yade yafumana igowuli elifakwe nguMudzunga Sidumo ngentloko. Nangona iChiefs ibiyiyo elawula ibhola – kodwa side saphela isigaba sokuqala kulo mdlalo ingekalifumani igowuli lokulinganisa. Kwisigaba sesibini uSteve Komphela wenze iinguqu emdlalweni; ukhuphe uKgotso Moleko noSibusiso Khumalo, wafaka ezindaweni zabo uGustavo Paez noWilliam Twala abafike benza umahluko. Khange kubekudala emva koko, uPaez ungcangcazelise umnatha emva kokufumana ibhola kuBernard Parker. Kuthe xa kushiyeke imizuzu emithandathu, uPaez uphindile wafaka elinye kwakhona – atsho Amakhosi akwazi ukudlulela kumjikelo olandelayo weNedbank Cup.

Pedro Maphelo's photo.

Fiston Abdoul of Bloemfontein Celtic during the 2017 Nedbank Cup Last 16 game between Bloemfontein Celtic and Mbombela United at Dr Molemela Stadium, Bloemfontein on 9 April 2017 © Frikkie Kapp/BackpagePix

Kwelinye icala, iBloemfontein Celtic izibethele iMbombela United ngo’2-0 othuleyo kumdlalo obubanjelwe eDr Molemela Stadium. Amagopwuli amabini weCeltic afakwe nguFiston Abdoul Razak kwisiqingatha sokuqala nakwesesibini. Kulo mdlalo iSiwelele ayihambanga lula ngoba unozinti wayo unqande amanzi engena endlini.

Ekugqibeleni kusebenze amava, iCeltic izibonakalisile ukuba ngamakhwenkwe amakhulu. Iye kulo mdlalo inamandla emva kokubambana neMamelodi Sundowns ngeqanda phakathi evekini. Ukuqhuba kakuhle kweCeltic kwiNedbank Cup kuzindaba ezimnandi emva kwesizini engahambanga kakuhle nasemva kotshintsho lwabaqeqeshi abaliqela kwakule sizini inye into engaqhelekanga kwiCeltic. Uthelekiso lwamaqela luzakwenziwa eGoli ngokuhlwa kwangoMvulo.