Bangcungcuthekiswa yinkonzo bekhubazekile

U-Andile Makeleni nonkosikazi wakhe uPhumza behleli lusizi emva kokukhutshwa yinkonzo kwindawo abebehlala kuyo

Usapho olukhubazekileyo lakwaMakeleni eNdevana, eQonce, luthi aluyazi into oluyenze emhlabeni le nto lungcungcuthekiswa yinkonzo oluyithembileyo.

Oku kuza emva kokuba bekhutshelwe iimpahla zabo zonke ngaphandle ngabathimbi abathunywe ngamagqwetha womfundisi we-Army of Christ, uPastor Bonginkosi Twalani, ngoLwesithathu wale veki.

UPhumza Makeleni ekunye nomyeni wakhe uAndile, abahamba ngezitulo zamavili, sifike behlaliswe ngabahlali bale ndawo phambi kwetyotyombe elivingcwe ngabathimbi bejonge iimpahla zabo ebezithe saa phandle.

“Ukusukela ngo-2008 ukuthenga kwethu le ndawo sangcungcutheka, zange sakuva ukonwaba nokuphumla kuba oko sasimane sigrogriswa yile nkonzo isithi izosikhupha njengoko ibanga ngelithi yindawo yayo le. Ukufika kwethu yayisengumgangatho kuphela, ingekakhiwa isoyikwa luluntu le ndawo, kuba kusithiwa ineenyoka kodwa saye sakha sahlala kuba sasingenandawo,” utsho uPhumza.

“Indihlukumeza kakhulu le nto. Akukho ndawo ndingayihambanga kwaye akukho nto naye lo Pastor angayenzanga ukundiphehluzelisa. Bebede bandilinganise naxa ndihambayo njengokuba ndikhubazekile nje. Andiyazi ukuba bacinga ndizozilwela njani urhulumente makandincedise,” utshilo uPhumza elila iinyembezi.

UThando Xotongo othethela abahlali noququzelela ukuncedakala kwamaxhoba uthi imbi intlalo ehleliwe ngamaxhoba, baxhaphazeka okongathi ayingobantu abakhubazekileyo. UXotongo usibonise uluhlu lwamagama ezindlu zabantu abazakuxhamla, labe likhona igama likaMakeleni. Uthi esi ayisosiganeko sokuqala sisenzeka sokugrogriswa kwala maxhoba.

UPastor Twalani ngethuba eziphendulela kwizityholo uthe: “Mna andikhuphanga bantu nazimpahla etyotyombeni labo. Uyandibona ndihleli nani apha etyotyombeni lam. Nam nditsalelwe ndikude kwathwa bayakhutshwa aba bantu, bahleli endaweni yam.”

UTwalani utsho esithi yona indawo le ihleli amaxhoba yeyakhe kuba wayithenga kwaye neempepha inazo nangona nje engakhange aziveze kuba esithi azikho kuye la mzuzu.

“Abahlali banixelele ukuba bandithukile bendibiza ngezithuko ezikhulu bekwathi andinguye nokuba ngowalapha?” uvale ngelo uTwalani.

Xa besibuza ukuba uthi mawahlale phi amaxhoba ekwimeko enje uthe ikhona indawo abayinikwayo bayakhelwa ngezantsi kweyakhe.