Uqhutywe ngempumelelo umsitho wokujikwa kwezitalato ezithathu kwidolophu yaseBhayi kwindawo eyaziwa ngokuba yiCentral kufutshane nePort Elizabeth Opera House.
Umsitho obubanjelwe kule Opera House kule veki bekukho usodolophu womasipala weNelson Mandela Bay uAthol Trollip, nosihlalo wesebe lezemidlalo ubugcisa nenkcubeko uSiyasanga Sijadu, umanejala weOpera House uMonde Ngonyama, umlingisi nesisele senyathi kwiifilimu nemidlalo yeqonga uJohn Kani neentsapho zabo babekade bengogxa bakhe kwimidlalo yeqonga uAthol Fugard noWinston Ntshona.
Kujikwe izitalato iBelmont Terrace yayiAthol Fugard, iWhites Road yayiJohn Kani, iChapel Street yayiWinston Ntshona.
Ethetha kulo msitho usodolophu Trollip udlulise umyalezo wovelwano nakusapho lukaJoe Mafela.
“uJohn Kani nabalingani bakhe ngabantu baseBhayi abenze igalelo elikhulu kwezolonwabo batsho kwaphithizela abantu kwihlabathi lonke ngemisebenzi yabo besamkela neembasa ezininzi kumazwe ngamazwe”.
Uthe ukushenxiswa kwamagama abalisa ngobomi bobukholoniyali asiyondlalo nankcitho-mali watsho esithi igalelo likaKani, Fugard noNtshona alina kulitywala lingasoze licime ezingqondweni zabantu.
uJohn Kani uthe uziva ethabathekile linyathelo lebhunga likamasipala elikhokelwa yiDemocratic Alliance (DA) esithi lo nto ebengayilindelanga kubo njengoko iphulo lokujikwa kwezi zitalato laqalwa ngumasipala weANC; esithi amagcisa awapolitiki kodwa afuna inkxaso yawo onke amaqela.
“Kwakunzima ngexesha le apatheyidi singakwazi nokungena kwiindawo zeethiyetha ngenxa yengcinezelo,” ub.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi