Inkcazelo Yamaphupha

Iphupha: Ndiphuphe ngathi kulungiselelwa intonjane yam, qha komnye umzi walapha efemelini, ngoku kuthiwe mandiyokukha imixoxozi, kodwa kuthwe mandiqale ndiphendule imibuzo, intonayo lemibuzo andiyazi, ndiyikhe le mixoxozi, xa ndiyijula ngapha komlambo kuvele kuthi gqi iinyoka ecaleni kwamanzi ndibaleke ndiyokubiza abantu, xa befika akho kwanyoka, ndabe sendisothuka. Lithetha ntoni?

Impendulo: Camagu sisi. Iphupha lakho likhulu kwaye lifuna ingqwalasela emandla. Ewe kufuneka uwenzelwe umsebenzi lowo wentonjane kodwa owakho ukhethekile kwaye unomahluko omkhulu.

Kuza kufuneka lowo uzakuwuphatha umcimbi lo alandele imiyalelo ngokwephupha eli. Iphupha lona akufanele ukuba likoyikise, koko kufuneka uchulumance kuba libonisa ubungangamsha bakho, ngelishwa andizokwazi ukungena nzulu kuba yinyewe yakho nabantu bakowenu, lowo uzakube ekuphathele lo msebenzi nguye ozakwazi ukunika iinkcukacha ezigcweleyo. Chosi!

Iphupha: Ngale mini siyadidiyela umqombothi silungiselela uhlambo zitya womsebenzi esekulithuba sawenza. Sithe ke salala. Ndithe ndaphupha, xa ndivula umnyango walapha ngaphambili wendlu kusasa, ndasuka ndabona kubhabha ibubu leenyosi kodwa azikho ndlongondlongo. Camagu!

Impendulo: Kaloku ngabahlekazi abo, abanikazimzi okanye oosokhaya ngelinye igama. Ngendlela obone ngayo kuyacaca ukuba bebengezanga kakubi koko bazokwamnkela umsebenzi lowo wabo. Camagu.

Iphupha: Ndicela ukubuza eli phupha. Xa ndiphupha utata ibhokisi yakhe ingaphandle, ingcwaba lakhe ligcwele ngamanzi, lithetha ukuthini?

Impendulo: Lungisani izinto zikatata lowo, niyeke ukuthithiza okanye kuzakonakala.

Iphupha: Sanibonani, ngicela kubuza kuchaza kuthini kuphupha ukhulelwe na?

Impendulo: Khululeka kuba iphupha elo alitsho konke ukuba uzakukhulelwa koko likubonisa imbopheleko kuyo neyakuthi ikhululwe nguwe ngokuthi uzilungise wena kuba imeko yakho imaxongo, oko ungakwenza ngendlela eziliqela kodwa phantsi kwesandla saloo mntu ungumnyangi. Camagu!

Iphupha: Ndizokubulisa kuqala. Ndingumntu ophuphayo kakhulu kwaye ndivuka nalo iphupha lam, futhi ndinomdla wokwazi ukuba lithetha ukuthini, ngale ntsasa ndiphupha abantu endingabaziyo ngathi omnye ufuna ukubulala omnye, qha andiyazi nokuba ude wambulala na, into endothusileyo kukunukelwa ligazi ezimpumlweni – ndide ndothuka ndabuza umyenam ukuba linuka phi igazi.

Impendulo: Camagu sisi. Ewe kaloku kubanjalo xa kunqongophele ukuphalazwa kwegazi ngesilo lekhaya. Kuyacaca ukuba kudala abantu bakowenu befuna umsebenzi lowo uquka ukuxhelwa kwesilwanyana ekhaya. Lungisani ke ngokhawuleza.

Iphupha: Ndiyacamagusha! Ndaphupha ndisiya eRhawutini nosisi wam siyokufuna impepha zomntwana wam wesikolo. Xa ndifika erenkini ndibone lo tata ndicele yena andincede kule ngxaki ndinayo, athi lo tata mandiguqe phantsi ndicamagushe, alayite ikhandlela nento engathi ngumthi owomileyo eronte, ayilayite le nto. Afowune lo tata – ufowunela izihlwele zam, azicenge ukuba mazindihoye kuba ekhaya banezinto kodwa andihoywanga, ziphendule zithi MNA ndenza izinto zakulo mama bona abazukwazi ukundinceda, wade wayeka ukuthetha lo tata, zingavumi izinyanya zakulo tatam undihoya. MNA ke ndiyintombi ekhule ndingamazi utata, xa ndibuzayo kuthwa kulo tata abenzi masiko, khawundincede undicacisele bafuna ndenze njani?

Impendulo: Kuyacaca ukuba uyabangwa ngabantu bakuloyihlo kwaye baqumbele ukungabaqwalaseli kwakho. Khumbula ukuba xa ungabazi abantu bakulotata wakho ungazama ukufumana nje oku kwesiduko sakhe, ukuze uzokwazi ukulungisa isimo sakho.

Iphupha: Ndiphupha ndikhwele inkunzi yenja okwehashe ndihamba nonyana wam, ngathi kungorhatya, ngathi ndimisa kumzi othile ndincokole nentombi yalapha kulomzi indixelela apho yayithandana khona yaliwe, ngathi nam ndiyincwasile. Kuvela umama wale ntombi abulise, ndivume, lo mama ukhanda amayeza le ndlu ngathi iserhangeni ngathi kumnandi kweli khaya, ndivalelise ndihamba ndikhwele lekhanka nonyana, ndidibane nengwevu ibulise ibuze ukuba asiyisindi na? Ndothuke!

Impendulo: Zama ukwenzela unyana wakho imisebenzi yakhe ngokohlobo ekwenziwa ngalo nakuwe kuba uzele umntwana ozakuba yinto ngobunto bayo. Unyana wakho uphiwe ngaba phantsi.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye usithumelele iphupha lakho kumnxeba kaWhatsapp wethu: 063 743 9538