U-RAF uguqule iimeko zabantwana bakaGrade R

Ingxowa-mali yengozi zendlela eMpuma Koloni iguqule iimeko zokufunda zabantwana benqanaba elisezantsi (Grade R) abangamashumi amane kwisikolo saseMqanduli phantsi kwesithili semfundo saseMthatha.

AbakwaRoad Accident Fund (RAF) batyelele kwisikolo iZwelebango eLwandlana izolo (Lwesine) ngenjongo zokuyo kunikezela ngegumbi lokufunda labantwabana elinezixhobo zabo zokudlala nokufunda.

Abasemagunyeni kwesi sikolo bafaka isicelo kunyaka ophelileyo kwicandelo lophuhliso elijongene nokunceda ekuhlaleni kule ngxowa mali nekulapho kwachongwa isicelo sabo. Bebonke abafundi besi sikolo sasemaphandleni bangaphaya kwamakhulu amabini namashumi amane kwaye sesinye sezikolo ezingahlawulisi mali ngokomgaqo karhulumente.

Ngokwengxelo, aba bantwana bebefudula befundela phantsi kweemeko ezimaxongo njengoko kukhona ingxaki yokunqongophala kwamagumbi okufundisela eZwelebango.

Inqununu yesikolo uThandikhaya Tefu uthi, abakwazi kuwuvala umlomo yinto abayenzelwe yile ngxowa mali.

“Siyavuya kakhulu ngumsebenzi esiwenzelwe yiRoad Accident Fund. Ubuyisa ithemba kubantwana abancinane kwaye uzokwenza umahluko omkhulu ekuphuhliseni umgangatho wemfundo kubantwana abancinane,” utshilo uTefu. Abantwana bekunyanzeleka bafundiselwe kwigumbi labantwana abadala ngenxa yemeko ezinganyamezelekiyo. UTefu ukwathe, “Sinengxaki yokungabikho kwamagumbi awoneleyo kodwa ukwakhelwa eli gumbi lokufundela kuzokwenza umahluko omkhulu esikolweni.”

ULesedi Boihang ongusihlalo wecandelo lokutyala ekuhlaleni kule ngxowa mali uthi emva kokuba kufakwe isicelo kwikomiti yeli candelo kunyaka ophelileyo babona kuyimfuneko ukuthathela ingqalelo esi sicelo. “Sisebenzisene namasebe ohlukeneyo ukuqinisekisa ukuba abantwana bayaphuhliswa. Sifuna ukushiya umzila ocacileyo kwimfundo yabantwana abaselula ingakumbi kwindawo zasemaphandleni,” kucacisa uBoihang. Eli gosa limemelele kubahlali bale lali ukuba basikhusele esi sikolo kubantu abangonga ntweni. Eli gumbi linefenitshala, indawo yokuzivavanya ecaleni kwalo kwaye libiyelwe ngocingo ukukhusela ezimveku.
Phakathi kwabantu abebekhona baquka isebe lezemfundo, iinkosi zemveli nabanye.