Oomongikazi abaqeshwa!

Kutheni engaqeshwa amanesi apha eMpuma Koloni nala afunde eLilitha. Ndicela nisiphandele kutheni singaqeshwa. Ndingomnye woomongikazi ongaphangeliyo, ndicela ke sibuzelwe kutheni singaqashwa babe oomongikazi bengonelanga ezibhedlele.

– Umongikazi

Siyaphela ngoomastandi

Ndingumhlali apha eMthatha ongathanda ukuveza ingxaki esijongene nayo thina bantu bahlala kwizindlu zeRent. Kukho into endingayivi kakuhle. Indima yombane, umastandi eza kufuna ukuthenga umbane ngemali elingana neyenu baRentayo, abe ehlala nosapho lwakhe lonke, xa nicela iMeter Box yenu anixelele ukuba iyaxabisa nibe nikhala ngombane oko.

– Andizukuzichaza, ndiseMthatha