Sithe ngcu phezu kwesiqhushumbisi!

Kutsha nje kwela phondo lakwandonga ziyaduma iRhawuti, sivakele isankxwe siphuma kumzi ontsundu, kwizizwe zasemzini nakubakhi-mkhanyo, kukhalelwa ukuxambulisana kukasisi ontsundu nomfana wasemzini, bexambulisana phofu ngokudlalisana kwabantwana.

Abebelapho bayibeka icace into yokuba lo mfo uma phezu komntu ongumama athukise, agrwangxule ade afune nokumphutha-phutha ngezandla, ebekhalaza esilwa ngesizathu sokubethwa komntwana wakhe ngumntwana walo mama!

Isizwe ngokubanzi, mbombo zone zoMzantsi Afrika siye sanxakama, satshica kwaqhuma uthuli kukhalelwa indlela lo mfana wasemzini ebethetha ngayo ekwatyityimbisela nangomnwe lo sisi wabantu. Bambi bebencoma bekwaqhwabela izandla lo sisi ngokungoyiki ngokoyikiswa, ngokuma ajongane ngqo nengxilimbela yasemzini ebekubonakala ifutha okwenyushu ingxamele ukumqwenga nezo ntsana zakhe. Bambi ke babaneendlela ezahlukileyo zokuyiphonononga nokuyihlalutya le meko ibibambisa amazinyo.

Kukho abaye balikhupha latsola elithi lo mlo ubuphenjelelwa bubuhlanga phakathi kwalo sisi nalo mfo wasemzini, bade babe nombuzo othi: “ukuba lo sisi ebekwamhlophe, ingaba lo mfo ebenokuyenza le nto ayenze kulo sisi untsundu?”

Kukwakho nabathi kule ngxabano akukhange kubekho namnye phakathi kwesi sibini okhankanye igama elinokucalula omnye ngokobuhlanga, batsho besithi lo mlo ubuveza ukuqaqadeka, ukuba nomsindo ongalawulekiyo kwanenkohlakalo yalo mfo.

Aba ke ngokuqinisekileyo bafikelwe zezi ngcinga ngenxa yokwazi ukuba ngokwesiko lalo naluphi na uhlanga, asinto iqhelekileyo ukubona indoda igwexana, inyukelana ide ixambulisane nomntu wasetyhini! Kubekho nelinye iqela eliyiphendle le meko ngokuqwalasela kumba wokwahlukana ngokweenkcubeko phakathi kwesi sibini.

Abo ke ndiluthandile uluvo lwabo oluthi ukuba lo mfo ebenofifi ngobuzali kwindlu entsundu, ebengazi kuya kulo sisi wakowethu amngxolise emthuma ukuba ohlwaye umntwana wakhe amtyhola ngokudlala kakubi nalo wakhe, koko ebeya kuya kusisi lo, athethe ngembeko ngokwenzekileyo ebantwaneni, akugqiba athethe ngokuzolileyo nangokwakhayo kulo mntwana walo sisi amfundise ngokubaluleka kokudlala ngokukhuselekileyo. Kaloku kwantu nalo mfo unelungelo lokululeka ngendili nangokwakhayo kulo mntwana kuba ngokwesintu ikwangowakhe!

Zontathu ezi ngcamango zingentla ziphuhlile kwaye ndizithakazelele kakhulu. Nangani kunjalo ke, ndithi mandilikhuphe litsole elokuba izehlo ezilolu hlobo, nezibandakanya ukungaboni ngasonye okanye ukuxhatshazwa kolunye uhlanga lolunye, ziya zixhaphaka ngokuxhaphaka kwizwe lakowethu.

Oku kwalatha nto inye ke mabandla kaTshiwo, kwalatha kukwachaza mhlophe ukuba nangona kunokwenzeka kuthi kanti oko kwenzekayo akuphenjelelwa bubuhlanga, ngenxa yembali nokuxhaphaka kwezehlo neentetho zobuhlanga mva nje apha kowethu, okwenzekayo phakathi kweentlanga ezimbini ezahlukileyo kuphela kutolikwa njengobuhlanga. Nembali yoMzantsi Afrika ke inegalelo elikhulu kolu luvo lujolise kubuhlanga koku kuphaxulana bekusenzeka kwenye yeendawo zokutyela ezikwityathanga leevenkile zokutyela zakwaSpur!

Kwabo bafana nathi banamava okungahlonitshwa nokuphathwa gadalala ngenxa yobuhlanga, kuthi kwakuhla imeko elolu hlobo, ingakumbi ebonisa indelelo yomntu wasemzini kulowo ontsundu, iingqondo zikhawuleze zitsibele kubuhlanga.

Kaloku kuthi xa kusihla imeko ekumila kunje, kusuke kuthi thaa ezingqondweni iintlungu zokuphathwa kakubi nokungahlonitshwa kwethu bantu bantsundu luhlanga lwasemzini!

Ndingayanga kude, ndithe ndakubona esi sehlo kumabonakude, ndachukumiseka, ndadandatheka kwaye ndanga ndingangena kuloo bhokisi kamabonakude nditsho entloko ngogqonci wakowethu ukhohlel`esingeni kulo ndoda, kutsaze imbol`amaxelegu kube kanye!

Ndithe ndihleli phambi komabonakude ndibukele eli dabi lokutyibelana ngezithuko, qatha engqondweni yam minazana ithile, sihamba notata edolophini eCumakala (Stutterheim), kula mnyaka ka-1987, sisiya kuthenga into yokuthoba uthuli kwivenkile eyayibizwa ngegama elinguWoodpecker supermarket. Sifike apho kukho icala elicocekileyo nelibetha umoya, kwanelinye elizele mpu bubugoxo nobumdaka nekuthengiselwa kulo abantu abantsundu kuphela. Utata unyanzelise ukuba siye kuthenga kweli libetha umoya. Sithe sisangena apho waphuma umanejala walo venkile, wasibamba ngezixhanti wasityhalela ngaphandle esithi asivumelekanga ukuthenga kwicala labamhlophe, masiphume siphele kwakuloo venkile.

Ubawo usuke wancuma wathi, “makwedini, nifikile apho benibhalele khona, kaloku eli lizwe lahluthwa kuthi mhla ngesicakathi, kungoko olu hlanga ludakasa lupetsula kumhlaba wookhokho bethu, yizani sikhe siye kukhangela kwenye ivenkile.”

Ukusuka kwethu apho siye kwivenkile ekufuphi nesitishi soololiwe, phambi kokuba unyuke ummango oya kwilokishi yakwaMlungisi. Ivenkile eyayimi apho yileyo yayibizwa ngeGazuzu Shop. Nalapho sifike kukho umnyango omkhulu ekungena kuwo abantu basemzini kuphela, bakhethe loo nto bafuna ukuyithenga.

Kwelinye icala langasemva kuloo venkile, kwakukho ifestilana encinci enesivalo sentsimbi nesefu, kuloo festile kwakuthengiselwa isizwe sakowethu kuphela, isizwe esintsundu. Sibuzile ukuba kungani na singenakuvunyelwa sithenge njengohlanga lwasemzini, nalapho saphendulwa ngezithuko sakhonjwa emva, saphela siphuma edolophini singakhange sifumane kwaloo nto iselwayo!

Mawethu ilishwa lelokuba nokuba ukungaboni ngaso nye phakathi komntu ontsundu nalowo wasemzini akunanto yakwenza nobuhlanga, ngenxa yembali yeli lizwe, loo mlo unokuphela utolikwa njengoqulethe ukubukulana ngokobuhlanga.

Ukuba abemi abantsundu beli lizwe banokuchaza okanye babhale phantsi ngeziganeko zobuhlanga abakhe bagagana nazo, kungaphuma incwadi enokuya kwizigidi ngezigidi zamaphepha! Okubalulekileyo kukwazi ukuba ezi zehlo ziveza ukuba sithe ngcu phezu kwesiqhushumbisi semfazwe yobuzwe okanye yobuhlanga! Makucetywe kusungulwe iindlela zokunqanda ukuqushumba kwesi siqhushumbisi ukuze singaziboni sesikwimeko yokuthi akwaba, kube sekukwabekile!