Zwelonke: Ziyingxaki iziketi ezifutshane

IKUMKANI yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu uthi abantwana abangamantombazana mabaluqaphele uhlobo lwezikethi abazinxiba esikolweni, kuba zibangela inkathazo.

“Ubone umntwana wesikolo enxibe isiketi esifutshane kangangento yokuba ingangumbono ombi akugoba, kumntu ongasemva kwakhe,” utshilo uSigcawu ngethuba ethetha kumsitho obubanjelwe kwisikolo iNomaka Mbeki Technical High eNgcingwane eDutywa kwiveki ephelileyo.

“Ukuba ke bantwana benkosi ezi zinto asiziqapheli, ziza kusenza ukuba singabi nasidima ezizweni, sibe ngabantu abanyevulelwayo zezinye iintlanga ngenxa yokungahloniphi inkcubeko nesithethe esikhulele kuso singamaXhosa,” kutsho iKumkani.

USigcawu ukwathe amakhosikazi aveza amabele, okanye iCleavage ngesikhumsha, kwenza intlonipho ingabikho kwabasetyhini.

“Kwakungavamanga ngexesha lakudala ukubona amabele enkosikazi isithi inxibile ngokupheleleyo. Kuthwa namhlanje uveza iCleavage. Siphi isidima sikamama ekulindeleke ukuba uzakuqeqesha abantwana,” kubuza unyana kaKumkani uXolilizwe.

USigcawu ukwathe bafanele ukuzibuza umbuzo ootitshalakazi ukuba “ngumzekelo nomfaneleko” onjani lo bawuthumela ebantwaneni xa besiya esikolweni benxibe iiLeggings.

“Ikhe yakhalinyelwa le nto ngumama [uPemmy] Majodina, yange ngathi uthetha imfeketho, esithi akufanelekanga ukubona ititshalakazi inxibe iiLeggings. Andizami kuhlazisa abantu kodwa ndiyafuna ukuba sikhe siziqokelele, sijonge indlela ootitshala abanxiba ngayo,” utshilo uSigcawu.

USigcawu uthi utitshala xa ephuma endlini kwakhe okanye kulo ndawo ahlala kuyo, ufanele ukuzibuza ukuba yintoni ezakufundwa ngabantwana kwisinxibo sakhe.

Ngethuba ethetha eMonti ngenyanga yoMdumba kulo nyaka uMphathiswa wezemidlalo, ezolonwabo, ubugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni uPemmy Majodina wabuza ootitshalakazi ukuba: “Niza kuba lungiselela njani ikamva abantwana xa niya esikolweni ninxibe iiLeggings. IiLeggings? Nento ebifanele ukuba nguStomach Out [uhlobo lwempahla eveza isisu] kodwa liGqongo Out?

“Imbonakalo yetitshala [ibalulekile]. Thina sikhule sirhalela ukuba ngootitshala, kodwa ngoku siyazibuza ukuba kwenzeka ntoni kweli khondo.”

Iintetho zikaMajodina zazilandela ezikaMphathiswa wezemfundo ephondweni uMandla Makupula owaxelela indibano eMdantsane ukuba: “Abantwana xa bebona utitshala onxibe ijini, isikipa neeteki zohlobo le-All Star bacinga ngokhuseleko lwezipaji zabo, kuba ngutsotsi umntu onxiba kanjalo. Andizukukhupha umyalelo othi makunxitywe kanjani, kodwa ingase utitshala anxibe ngendlela endilisekileyo.”

Lo kaMakupula wathi indlela yokunxiba ngokundilisekileyo kutitshala ibalulekile. “Umfundisa njani umntwana uveze amadolo ashwabeneyo natsolo?” kwabuza uMakupula emva kokuba esithi wadibana netitshalakazi enxibe ilokhwe emfutshane eBhayi.

UMakupula wabhala kwiphephandaba I’solezwe esithi uyaxolisa kokhubeke yimizekelo yentetho yakhe.