Aqengqe iqanda eBuffalo City Stadium

Francisco Santos da Silva Junior of Guinea Bissau challenged by Eric Mathoho of South Africa during the 2017 International Friendly match between South Africa and Guinea Bissau at the Moses Mabhida Stadium, South Africa on 25 March 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umdlalo obuphakathi kweBafana Bafana nelizwe lase-Angola uphele ebambene ngeqanda macala kumdlalo wobuhlobo obubanjelwe eBuffalo City Stadium ebusuku namhlanje. Lo mdlalo obekudala ulindiwe ubuzinyaswe ngabantu abaqabele kumashumi amabini amawaka. Nangona kungakhange kubekho gowuli – eyona nto abantu bebeyilindele emva komdlalo iBafana Bafana ewuphumeleleyo eThekwini – kodwa bahambe bonwabile yimigushuzo eyenziwe kwisigaba sesibini.

Isiqingatha sokuqala siphele kungekho qela elibhalisileyo ebhodini. Umdlalo uqale kakuhle, abadlali be-Angola badlale ibhola ecacileyo futhi beyibeka phantsi kamnandi ibhola, lo nto inyanzele abadlali boMzantsi Afrika ukuba beze kuyo. Khange kube kudala batyhala ngesifuba abadlali beBafana Bafana. Ngomzuzu wesithathu uPercy Tau ugobe ibhola ekunxele ngobuchule – kodwa ngelishwa ifike kungekho mntu ebhokusini. Nangona ikwazile ukuwoxutha amandla iBafana Bafana emva kwemizuzu embalwa – kodwa ibingakwazi ukumelana noHerenilson Caifalo Do Carmo, u-Augusto Antonia Domingos Quibeto no-Andriano Belmiro Duarte Nicolau ebebethande ukumkhathaza u-Andile Jali noTiyani Mabunda esiswini. Ngathuba lithile umgangatho womdlalo macala omabini uye wehla. UTau noPhakamani Mahlambi baphantse bayonzakalisa i-Angola phaya emva – kodwa iibhola zabo zihambe nje ngenxa yokungabiko komgqibezeli. Kwicala lasekhohlo uDiamond Thopola ebephethwe mbengwane ngu-iManuel David Afonso, kangangokuba kuye kwanyanzeleka ukuba u-Eric Mathoho ancedise amatyeli aliqela.

Umqeqeshi weBafana Bafan, u-Owen Da Gama, khange achithe xesha kwisigaba sesibini somdlalo – ufake uKeagan Dolly, uThulani Serero, uThemba Zwane noRhamahlwe Mphahlele waze wakhupha uDiamond Thopola, uLuther Singh noPhakamani Mahlambi. Ezo nguqu zisebenze ngcono ngoba uJali utsho wabonakala kwakungena uSerero noDolly. UTau uye wenyusa umdlalo wakhe kwisigaba sesibini somdlalo. Unikelene ngeebhola noDolly kumhlaba we-Angola oyingozi – kodwa iye yakwazi ukuyincothula ingozi. Nakwelayo icala iBafana Bafana ibixakekile ngoba uDarren Keet uye wanyanzeleka achithe iibhola ezimbi. Kungene uKermit Erasmus endaweni kaPercy Tau obekubonakala ukuba unxaphile emva kwemigushuzo eliqela ayenzileyo kwisigaba sesibini. Umdlalo wakhe uye wafunquka kwisigaba sesibini somdlalo. UMzantsi Afrika uzamile kwimizuzu yokugqibela – kodwa yabe i-Angola ivale mba emva.