Abafazi abafuni kukhokelwa ngumfazi

Ootitshala kazi beekhritshi, beqhankqalaza phambi kwamasango e-ofisi yeNkulumbuso uPhumulo Masualle, apho bebekhalazela ukungahlawulwa kwabo ngokufanelekileyoUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

ABAFAZI baseMpuma Koloni bathi “umfazi uyabacinezela abanye abafazi” ngoko ke “ingayi ngxaki enkulu” kweli lizwe xa uNkosazana Dlamini-Zuma enokuba ngumongameli.

“Asimfuni abengumongameli uDlamini-Zuma kuba umfazi uyamcinezela omnye umfazi. Sisengxakini ngoku kwisebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni elikhokelwe nguNancy Sihlwayi njengoMphathiswa. Sicinezelwe nguNancy, yiyo le nto sifuna ukukhokelwa ngumntu ongutata,” utshilo uPhumla Goje, onekhritshi eMdantsane.

UGoje, ekunye negquba lamanye amakhosikazi asebenza njengootitshala basekhritshi, bebebambe uqhankqalazo phambi kwamasango e-ofisi yeNkulumbuso uPhumulo Masualle kwiveki ephelileyo, bekhalazela into abayichaza njengempatho-mbi kwanobuqhophololo kwisebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni.

Ootitshala basekhritshi ababalelwa kwikhulu, bonke bengamakhosikazi, bathe bathabatha inxaxheba kolu qhankqalazo besithi bakruqukile yimali abayirholiswa lisebe lophuhliso loluntu abathi yiR1 750 ngenyanga. Bakwathi bafuna yonyuke imali eyabelwa ikhritshi nganye abathi yiR15 kumntwana ngamnye.

“Le R15 kuthwa lo mntwana mnye kufuneka atye, adlale futhi enzelwe amaxwebhu esikolo. Incinci le mali, sifuna iye kwi-R20 ngomntwana kuba oko yayiyi-R15 ukusukela ngonyaka ka-2002,” utsho uGoje.

UGoje uthi bazenzile iinzame zokusombulula iinkxalabo zabo noMphathiswa uSihlwayi, kodwa ngaphandle kwempumelelo. “Umam’ uSihlwayi wasixelela ukuba yinto yethu ezi khritshi. Yandikhathaza kakhulu lo nto, kuba yabonakalisa ukuba akanamdla wokusombulula ingxaki yethu,” kutsho uGoje.

UGoje uthi babone ukuba mabaye kuMasualle. “Umntu ongutata unenimba, uyakwazi ukuyimamela inkosikazi. Asimfuni umfazi kuba uba ukhe wasesikhundleni uyawacinezela amanye amakhosikazi. Ngoku bafuna ukusiphathela umam’ uDlamini-Zuma, asimfuni umfazi. Sifuna abantu abangootata thina ezi-ofisini,” kutsho uGoje.

Abanye bootitshala basekhritshi babanga ngelithi bagqibele ukunikwa imali kunyaka ophelileyo. “Xa sibuza ukuba iphi imali, sixelelwa ukuba ayikho imali. Iphela njani imali ingezanga kuthi,” kubuza omnye wootitshala.

Abatitshala bathi ubaluleke kakhulu umsebenzi wabo nanjengoko begcina abantwana, bebakhulisa ingqondo ukulungela isikolo.

Kusenjalo, uMongameli Jacob Zuma unike igunya ibutho lophando elikhethekileyo (SIU) ukuba liphande izityholo zobuqhophololo kwisebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni.