Ukusebenzisana nomphakathi kungaluthoba urhwaphilizo

Inkulumbuso yeMpuma Koloni, uPhumulo Masualle

Ukunyoba, ubuqhophololo, ukuqeshana ngokwazana kunye nje norhwaphilizo – zizinto ezivamileyo kwiingingqi zethu kwaye ikwazi zinto ezinamandla okwandisa inzondo neengxabano phakathi kwabaninzi.

Ngalo lonke ixesha umntu efunda iphephandaba okanye emamele unomathotholo kuhlala kukho ibali ngorhwaphilizo apha ephondweni, kwilizwe lethu kunye nakwihlabathi liphela.

Kungenxa yoko mna noogxa bam sigqibe kwelokuba sibamkele abo bathe baqeshwa ukuzophanda ubuqhophololo norhwaphilizo kulo eli phondo lethu leMpuma Kapa.

Urhwaphilizo sisifo kwaye yityhefu echitha umphakathi wethu nokusingqongileyo, gabalala ubuqhophololo lilifu elimnyama elenzelwe ukuchitha oko esikwakhayo ezimpilweni zethu.

Xa ubuqhophololo nokunyoba sikuphumeza, ilinge lokwakha ubunye nokulingana emphakathini aliphumeleli. Apho ubuqhophololo bugqugqisayo, ilizwe, amaphondo ngobuninzi bawo kunye neengingqi zethu zijongana nokungaphuhli kunye nokungcoliseka kwezidima.

Kodwa kumele sizibuze lo mbuzo; ingaba urhwaphilizo luyafana na kunye nokuqashana ngokwazana, ukunyoba kunye nobuqhophololo?

Ukuyicacisa bathi abe- Transparency International, “Urhwaphilizo lufana ncakasane nokusetyenziswa ngokungekho semthethweni kwendlela yokuphatha ngeenjongo zokuzuza ngokufihlakaleyo”

Transparency International iqhubeka icacise ukuba zimbini iintlobo zorhwaphilizo. Eyokuqala, yileyo ibangelwa kukungoneli nokunxanelwa ukuphatha kwabo abahleli kakade bezizityebi, ukuzokuthi ga ngoku, ukunqwenela iimali ezinkulu kuko ekubangela kubekho urhwaphilizo.

Udidi lwesibini, yona le ntlobo yorhwaphilizo ixhaphake kwabo banesikhundla kwiiOfisi zikarhulumente.

I-World Banks yona iqhubeka ithi: “Iiofisi zomphakathi zithi zihlukunyezwe ngenxa yokufuna inzuzo yasekhusini xa lowo uphetheyo athi amkele ukunyotywa kwanokufumana imali ngendlela engekho semgaqweni. Kwakhona, iiofisi zomphakathi zihlukumezeka xa oosomashishini benyoba ngenjongo yokuzuza imali kwiiOfisi zikarhulumente. Kwakhona, iiofisi zikarhulumente zikwahlukumezeka naxa kuqashwana ngokwazana, kusetyenziswa imali karhulumente ngendlela yobumnyama kunye nezinye izinto ezingahambisani nomgaqo siseko.

Kwanje ngala mzekelo wokuqala, urhwaphilizo lukhula xa iqumrhu okanye iofisi karhulumente ithe yanyolukela ukuphatha ngaphezu kokuzisa iinkonzo eluntwini.

Ukulwa urhwaphilizo, sidinga isixhobo esilungele lo msebenzi, kwaye sikwazi ukuphatha iiOfisi zethu kwakhona sinike iingxelo ezinyanisekileyo.

Ingaba zeziphi izixhobo zethu siyiMpuma Kapa? Ndiyakholwa xa izigqibo zikaRhulumente zifikelela eluntwini oko kuya kunceda ukuphelisa iimfihlo nobuqhophololo.

Ukuqinisa ukulwa ubuqhophololo norhwaphilizo; kunye nokuqinisekisa ukuba amatyala orhwaphilizo ayaphela, kumele sityikitye isivumelwano sokuba siyeke abo bakumaziko okuphatha baphande onke amatyala orhwaphilizo kwiiOfisi zikaRhulumente.

Kwakhona, izicwangciso ephondo zokulwa urhwaphilizo ziyaphunyezwa ngokuthi silandele imigaqo yokubuphelisa nya ubuqhophololo kweli phondo.

Kwaye ukunika imvume kubantu bomphakathi ukuthi babuchaze ubuqhophololo xa bebubona kwiiOfisi zikaRhulumente kuyakusinceda ukukhawulelana nezicwangciso zokunqamla urhwaphilizo.

Ukuzokuthi ga ngoku, amatyala amalunga ne-562 sele exeliwe kwaye kwajongwana nawo kwisithuba sonyaka oonenyanga ezintandathu.

Kukho namanye amatyala ayi-157 angawobuqhophololo kwaye asaphandwa.

Kwakhona, sihambe koomasipala abaninzi sifundisa ngorhwaphilizo, sikwachazela abantu ekuhlaleni ngokubaluleka kokuxelwa kwala matyala obuqhophololo.

Nabo abaphathi bephondo bakwafundisiwe ngendlela yokuziphatha echubekileyo kwiiOfisi zikaRhulumente.

Urhulumente wephondo leMpuma Kapa uzimisele ukusebenzisa zonke izixhobo ukuqinisekisa urhwaphilizo luyanqamka khona ukuze abantu bafumane iinkonzo ngokufanelekileyo.

Njengombhali wezobuxhakaxhaka nezendalo, uRamez Naam ukholelwa ukuba: “Sibonile ukuba amazwe anobutyebi nophuhliso ngango aphathwe ngendlela eyiyo, kwaye ukuphatha kakuhle kuzuzwa ngenkululeko yonxibelelwano. Izuzwa ngokuthi kupheliswe urhwaphilizo. Izuzwa ngokuthi abantu bakhululeke ukumchaza lowo bambona nje ngogcwele iingcinga zobuqhophololo.

Njengelizwe kunye nalo eli phondo lethu, kumele sikhulise unxibelelwano phakathi kwabantu kunye nabaphathi khona ukuze sikhulise indlela elungileyo yokwenza izinto.

Ndibacela ngokuzithoba abahlali bephondo leMpuma Kapa ukuba bahlale benika iingxelo zorhwaphilizo xa bathe bazibona ngokuthi baqhagamshelane nathi kulo mnxeba 0800 701 701 kwaye babhalele kule dilesi EasternCape@ipid.gov.za.

uPhumulo Masualle yiNkulumbuso yephondo leMpuma Kapa. Ungamlandela kumaqonga onxibelelwano afana noTwitter

ku- @EC_premier.