Vela Bahleke

Umsebenzi unqabe nyani kweli lizwe yiva mna ndikuxelela.

Uncede ungathi xa sele usiva eli bali uthi uVela Bahleke ukhuthaza ubusela ebantwini, hayi akunjalo, kodwa ukuba kukhangeleke okanye kuvakale ngolo hlobo, ndiyaxolisa ayizonjongo zam ukukhuthaza izinto ezinxamnye nomthetho.

Le ndoda yazixelela ukuba njengokuba ingafundanga nje, iza kubafundisa abantwana bayo xa bebobane de babe zizinto abafuna ukuba zizo.

Lo umncinci umntwana zange asithande kwayena isikolo, ngelixa oobhuti bakhe bafunda bayityekeza. Owokuqala wayenemfundo enomsila kwizibalo, owesibini wanemfundo enomsila kwizifundo zobunzululwazi.

Ukanti lo wesithathu yena wayenesidanga sobunjineli. Bonke babengasebenzi, bewufuna wona kodwa unqabile.

Rhoqo ngemiVulo bekusoloko kubakho ivantyi yamapolisa phambi komzi wale ndoda engutata kwaba bafana, kanti kukhangelwana nale ntwana incinci ibe ibanjelwe ukuba apha okanye phaya.

Ummelwane wayengayithandi le nto yokuma kwale veni apha rhoqo ngemiVulo, kodwa kungekho nto anokuyenza kuba wayengathethi kakhulu utata waba bantwana, engemntu uqhelekileyo.

Andazi kwakutheni ngale mini umnumzana aqhaqheke afune ukuncokola, mhlawumbi ikhona into awayeyibelwe ngunyana, into eyayi monwabisile nekwakukudala eyifuna.

Naye umakhelwane wafumana ithuba lokuba akhe ambuze ukuba lo mfana wakhe usoloko embizela amapolisa kutheni engamgxothi nje.

Iphendule inkunzi-malanga yathi “XA NDIMGXOTHA SIZA KUTYA NTONI KUBA UNYANA WOKUQALA AKASEBENZI, NOWESIBINI AKASEBENZI NOWESITHATHU NGOKUNJALO NDIBE NDIGQIBELE KUBO YONKE IMALI YAM YOMHLALA-PHANTSI, LO NDINGAKHUPHANGA NESENTI KUYE NGOYENA UNDONDLAYO NGAPHEZU KWABAFUNDILEYO”.