URabada noDe Kock bavuziwe yiCricket South Africa

Kagiso Rabada of South Africa during the fifth 2017 Momentum ODI game between South Africa and Sri Lanka at Centurion Park, Pretoria on 10 February 2017 © Christiaan Kotze/BackpagePix

Intetha ethi: “Ekunyamezeleni kukho umvuzo”, ichanekile. Kwenzeke kanye lo nto kubadlali abaphambili ababini beProteas. La madoda nguKagiso Rabada noDe Kock. Izolo, umbutho olawula ibhola eMzantsi Afrika, iCricket SA, ubhengeze uluhlu olude lwamagama abadlali abazavuselele izivumelwano zengqesho. 

Okuthe kwaqepheleka kula madoda mabini kukuba anikwe ingqesho ephucukileyo emva kokudlala kakuhle kwimidlalo yeqela lesizwe leqamba. Ezi nguqu zenziwe kwiqela lamadoda neloo mama kwaye zizakuqala kwinyanga yoKwindla ku-2017 ukuya kunyaka ozayo. Oku kwenziwe yiCSA kuquka itumente yehlabathi, utyelelo oluya eNgilane nemidlalo ezakudlalwa neBangladesh, i-Australia ne-India liqela lesizwe loo mama. Abafumene inyhweba okokuqala kwiqela lesizwe nguStephen Cook, uKeshav Maharaj, uChris Morris, u-Andile Phehlukwayo noTabraiz Shamsi. 

“Sithe masenze izinto kwangoko ngoba amaqela wethu axakekile kakhulu. Sigqibe kwelokuba sandise izivumelwano zabadlali bethu. Kunyanzelekile sibavuze abadlali ababalaselayo kwiindawo ezithile. Abadlali beProteas abafana noQuinton deKock noKagiso Rabada banikwe izivumelwano eziza kutsala ixesha elide okokuqala emva kokunyuselwa kwabo. Sibenethamsanqa elikhulu, iinguqu ihambe kakuhle – ngoku siqhayisa ngabadlali abatshatsheleyo abasebatsha, itshilo ingqonyela yeCSA, uHaroon Lorgat.

Lo kaLorgat uvuyisene nabo bonke abadlali abathe bafumana le nyhweba.

Amadoda eProteas:

Hashim Amla (BuildNat Cape Cobras), Temba Bavuma (bizhub Highveld Lions), Farhaan Behardien (Multiply Titans), Stephen Cook (bizhub hghveld Lions), Quinton de Kock (Multiply Titans), AB de Villiers (Multiply Titans), JP Duminy (BuildNat Cape Cobras), Faf du Plessis (Multiply Titans), Dean Elgar (Multiply Titans), Imran Tahir (Hollywoodbets Dolphins), Keshav Maharaj (Hollywoodbets Dolphins), David Miller (VKB Knights), Morne Morkel (Multiply Titans), Chris Morris (Multiply Titans), Wayne Parnell (BuildNat Cape Cobras), Aaron Phangiso (bizhub Highveld Lions), Andile Phehlukwayo (Hollywoodbets Dolphins), Vernon Philander (BuildNat Cape Cobras), Kagiso Rabada (bizhub Highveld Lions), Tabraiz Shamsi (Multiply Titans), Dale Steyn

Oomama beProteas:

Dané van Niekerk (Eastern Province), Ayabonga Khaka (Border), Suné Luus (Northerns), Marizanne Kapp (Eastern Province), Mignon du Preez (Northerns), Shabnim Ismail (Gauteng), Trisha Chetty (Gauteng), Chloe Tryon (KwaZulu-Natal Coastal), Lizelle Lee (North West), Matshipi Marcia Letsoalo (Northerns), Laura Wolvaardt (Western Province), Masabata Klaas (Free State), Andrie Steyn (Western Province), Moseline Daniels (Boland).