Kwenzeke lanto iqhelekileyo eFNB Stadium

Joseph Molangoane of Kaizer Chiefs is challenged by Thembinkosi Lorch of Orlando Pirates during theAbsa Premiership match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates on the 04 March 2017 at FNB Stadium © Sydney Mahlangu/BackpagePix

UBrighton Mhlongo no-Itumeleng Khune ngabo ababangele kungabikho qela eliphumeleleyo kumdlalo wanamhlanje. Amakhosi adlale ntanganye ngo’1-1 kumdlalo obumhle eFNB Stadium ebigcwele imi ngembambo. Ithuba lokufaka igowuli eliphoswe nguWillard Katsande libashiye abalandeli besithi: Akwaba bekunikwe mntu wumbi. La maqela aphose ithuba elihle lokuqokelela amanqaku apheleleyo abenokuwathatha awabeke phezulu kwiPSL. Ngaphandle kokungabikho kwempumelelo, abalandeli abanaso isizathu sokukhala ngoba umdlalo ubumhle kakhulu.

Amabhaka-bhaka bekufanele ukuba kuyiwe kwixesha lokuphumla ehamba phambili ngamagowuli amathathu. Akubanga njalo ngenxa ka-Itumeleng Khune oxabe endleleni yawo. Khange aqheliselane kwakwimizuzu yokuqala. Amakhosi ahlasele kuqala ngoRamahlwe Mphahlele kwicala lasekunxele – kodwa ibhola yakhe ibingenawo amandla. Emva kwemizuzu elishumi umdlalo uqalile, abadlali bePirates bekhokelwa ngu-Oupa Manyisa obetyala iibhola kuThembinkosi Lorch, Mpho Makola, Thamsanqa Gabuza noDove Wome – baquqe bebuyelela okwezulu laseMthatha – kodwa akavuma uKhune.

ULorenzo Gordinho no-Eric Mathoho babenako ukubhutyuza okuthile kulo mdlalo kwisigaba sokuqala somdlalo, lo nto inike ithuba uWome noGabuza ithuba lokwenza unothanda kwanyanzeleka asebenze uKhune. Ngomzuzu weshumi elinesihlanu uJoseph Molangoane ulibeke emnatheni igowuli lakhe lokuqala kwidabi laseSoweto emva kwebhola edlalwe kakuhle kuSiphiwe Tshabalala noBernard Parker. Inkqonkqozile kwakhona iChiefs isebenzi uMolangoane kwicala lasekunxele. Ifumene igowuli lokulinganisa iPirates emva kwegowuli elifakwe nguTsepo Masilela ngempazamo – ibhola ebisuka kuLorch obeyinkathazo macala onke kulo mdlalo.

Nakwesesibini isigaba asukelene la maqela. Kuke kwakhangeleka ngathi iPirates ingafaka igowuli kwangoko kwisigaba sesibini. Umgangatho womdlalo uye wenyuka. Inxele leChiefs, u-Edmore Chirambadare uzamile ukuhlasela – kodwa ibhola yakhe iphume ecaleni kwepali. USteve Komphela wenze iingqu ngokuthi akhuphe uGeorge Maluleka noChirambadare – endaweni zabo kungethe uWilliam Twala noLucky Baloyi abathe bawubamba umdlalo.

Abadlali beChiefs abakwazanga ukugqobhoza udonga lwasemva obelumiswe nguHappy Jele no-Ayanda Gcaba bexhagwe nguPatric Phungwayo noNtsikelelo Nyauza. Kwelakhe icala uKjell Jonevret ukhuphe uLorch obedlala kakuhle noDove Wome waze wafaka uTendai Ndoro ongakhange abenalo ulwamvila no-Abbubaker Mobara. Amakhosi afumene ipenela ngemizuzu yokugqibela – kodwa ngelishwa lawo uWillards Katsande akakwazanga ukuyivalela emnatheni.

Chiefs: 32. Khune, 2. Mphahlele, 26. Gordinho, 3. Mathoho, 24. Masilela, 31. Katsande, 23. Molangoane, 12. Maluleka 11. Chirambadare, 14. Tshabalala, 25. Parker.

Pirates: 1. Mhlongo, 2. Gcaba, 4. Jele, 34. Nyauza, 21. Phungwayo, 20. Manyisa, 45. Mobara, 5. Makola, 29. Lorch, 35. Wome, 9. Gabuza.