Kukhwetywa abo banamacebo ophuhliso kwezobuchwepheshe

Ukuba unecebo okanye ingcinga yesixhobo esingaphuhlisa iMpuma Koloni ngokwezobuchwepheshe, iziko lezenzululwazi nobuchwepheshe (Science and Technology Park) kwiziko lophuhliso noshishino (IDZ) eMonti, lingakwamkela ngezandla ezishushu.

Eli qonga lijongene nokuncedisana neenkampani ezisakhasayo, abaphandi abaphanda ngokukhulisa ubuchwepheshe.

Kutsha nje, libe nenkqubo apho belidibanise oosomashishini bale ngingqi abase batsha libanika iqonga lokuba bavelise amacebo abo anokuthi abelu lutho kweli phondo leMpuma Koloni.

ULudwe Macingwane Fanie ongumanejala eScience & Technology Park uthi, enye yenjongo ephambili yokukhulisa abasomashishini kukuba baphuhle ukuze bazokwazi ukuba iimveliso zabo zithengiseke nakumanye amazwe aphesheya.

“Sifuna iinkampani ezithe zakhula kule ngingqi yethu zikwazi ukuba zithengiseke kwihlabathi jikelele. Ngokudibanisa oosomashishini ngolu hlobo sikwafuna ukuba bazane bazokuncedisana, kuzokwazi nokuba kuthengiseke iimveliso zabo,” utshilo uMacingwane Fanie.

Uthi abajonganga abafundi baseWSU kwakunye neFort Hare abenza izifundo zobuchwepheshe kuphela, “nawe wena uphaya ekhaya ukuba unecebo onalo ngakwe zobuchwepheshe kwaye uyabona ukuba lingathi libene galelo kuphuhliso lwephondo wamkelekile uze nalo ngaphambili”.

UMacingwane Fanie ukwadize ukuba amathuba eMonti maninzi, esithi zininzi izinto ezenzekayo kwela ziko. Uthi ingxaki abasajongene nayo kukuba abafundi bezi yunivesithi baphumelela bakugqiba bahambe baye kumanye amaphondo, kushiyeke kungekho mntu wokuziphuhlisa kula maziko.

UBarrington Shirley nongumsunguli wesixhobo se-GPS ezakunceda ukunciphisa iingozi ezindleleni, naye ibengomnye woosomashishini abasakhasayo ababonise ngeemveliso zabo kule ndibano ibise-IDZ eMonti.