Ohlabe umntwana wakhe usiwe kwisibhedlele sengqondo

Lizakuhlala intsuku ezingamashumi amathathu phantsi kweliso loogqirha kwisibhedlele sengqondo inenekazi laseMakhaza eKhayelitsha, elityholwa ngokuhlaba lonzakalise umntwana walo oneminyaka emibini ubudala.

Umtshutshisi kweli tyala uManelisi Macaba, ucele inkundla ukuba ithumele umrhanelwa kwisibhedlele iValkenberg emva kwengxelo yohlolo olufutshane lukagqirha wengqondo kwisibhedlele senqila eKhayelitsha.

Ingxelo yosapho idiza ukuba eli nenekazi linayo imbali yokuphazamiseka engqondweni, kwaye nokusebenzisa kwalo isiyobisi iTik kungane galelo kwesi senzo asenzileyo.

NgeCawe umhla weshumi elinesibini kule nyanga imiyo, kwavakala iindaba zenenekazi elineminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ubudala, elihlabe unyana walo oneminyaka emibini ubudala entanyeni wonzakala.

Ingxelo zosapho zidiza ukuba uninalume womrhanelwa, wambona ngokwakhe ehlaba esi sibotho-bothwana ze wabaleka akubhaqwa. Nalapho waye wafunyanwa ngosuku olulandelayo kwingingqi yaseDe Doorns.

Udade bexhoba uNthabiseng Aaron uthi: “Imbi into eyenziwe ngudade wethu, kodwa wayekhe wanengxaki yokuphazamiseka engqondweni, siyakrokra ukuba uphinde waphazamiseka kwakhona kwaye ungumntu osebenzisa isiyobisi. Yena ungumntu olungileyo xa umjongile unobubele kwaye akathandi nokuthetha.”

Ingxelo zidiza ukuba eli nenekazi linomnye umntwana oneminyaka esibhozo ubudala ohlala noyise eVostile. Ngokosapho, umrhanelwa akazange akhule kakuhle nanjengoko wayekhe wahlala nakwindawo ezigcina abantwana.

Ityala lizakubuyela kwinkundla kamantyi eKhayelitsha ngomhla we-16 kwinyanga yoKwindla 2017.