UGyimah ukhethe ukulishiya iBhakaniya!

Edwin Gyimah of Orlando Pirates during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Bloemfontein Celtic at the Orlando Stadium in Johannesburg on the 20 December 2016©Samuel Shivambu/Backpagepix

I-Orlando Pirates iqinisekise ukuba imkhulule umdlali odlala ngasemva waseGhana, u-Edwin Gyimah, iphendulla isiceloo esifakwe ngulo mdlali.

UGyimah waba nengxabano nalowo wayengumqeqeshi uMuhsin Ertugral emva komdlalo ne-Ajax Cape Town ngoSeptember kunyaka ophelileyo. Eli qela laseSoweto laphanda isizathu sengxabano phakathi komqeqeshi nomdlali, liphinde laveza ukuba uGyimah wafaka isicelo sokukhululwa kweli qela phambi kwemidlalo ye-Africa Cup of Nations, ebiseGabon kutshanje.

Ingxelo yeqela ifundeka ngolu hlobo: “ Siyi-Orlando Pirates siwuqhawule umtshato no-Edwin Gyimah. Iqela livumile ukumkhulula umdlali ngokwesicelo sakhe. UGyimah wafaka imbalelwano ngaphambi kokuya kwakhe kwimidlalo ye-Africa Cup of Nationa – apho wayemele ilizwe lakhe iGhana. Iqela lamkele isicelo sikaGyimah kwaye limqwenelela okuhle kodwa emadlelweni wakhe aluhlaza.

UGyimah ebeyingxenye yeBlack Stars ezingadlalanga kakuhle kwi-2017 AFCON – apho iqela liphume kwindawo yesine kule tumente ebiseGabon. Isizathu sokucela ukukhululwa kweli qela ezixelwanga. UGymah wadlala imidlalo eyi-38 kuMabhakabhaka esuka kwiSuperSport United.