Amapolisa afuna oonqevu abadubule kwintlanganiso ye-ANCYL

AMAPOLISA aseMaxesibeni aphantsi phezulu afunana nabarhanelwa abonde ngeembumbulu bonzakalisa amalungu asibhozo wephiko lolutsha leANC kwiholo lase Alfred Nzo ngempelaveki.

Othethele amapolisa uKholoneli Nomazwi Nkombisa uthe kuphandwa amatyala aliqela okuzama ukubulala, awokonzakalisa, awokonakalisa isakhiwo nelokubetha ngenjongo yokonzakalisa. Uthe: “Akukabanjwa mntu kodwa uphando luyaqhuba. Ewe akhona amarhe aveza amagama abarhanelwa kodwa luphando lwethu oluzakukhokelela eluvalelweni.”

Oku kulandela udushe lonkrwempano ngezikhundla oluqhuba ngaphakathi kwamalungu ephiko lolutsha kula mmandla. Ingxelo zithi ukungavisisani oku kuqale ebutsheni benyanga ephelileyo apho kube nempikiswano emandla ngochitho lwesigqeba seRegional Task Team ebifudula ikhona kulungiselelwa ukonyula esitsha.

Ngokuhlwa kwangoMgqibelo kutyholwa ngelithi emva kwentlanganiso yolonyulo lwesisigqeba engakhange ibenampumelelo ngenxa yezigrogriso nemikhwa ibigquba ngaphakathi, isenziwa ngamanye amalungu ebengahambisani nolonyulo olu, kuthe kwanuka irhuluwa – yazizijwili amadoda angaziwayo edubula ekwabetha abo bebezimisele ukuqhuba nentlanganiso. Amaxhoba athe aleqiswa kwisibhedlela saseMaxesibeni ze ababini ebebekwimeko emaxongo badluliselwa eNelson Mandela Academic eMthatha.

Ilungu elibelixhoba uSindile Phakathi (30), uthe: “Kuthe kusaqhuba lo ntlanganiso ngamalungu ambalwa ebeshiyekile kwacikwa izibane kwadutyulwa, kwagityiselwa izinto, konzakala abantu abaninzi kodwa bebelithoba ebebexhomisa amehlo. Abathathu kubo basachacha ezibhedlele. Logama abanye bekhululwe emva kwemini izolo.” Uthe isengumbono ombi emehlweni akhe okwenzeke ngala mini kwaye akasayi kuziva ekhululekile ngaphakathi embuthweni de kubanjwe abenzi boku.

Unobhala jikelele wephiko lolutsha engingqini, uDixon Dyasi, uthe kuyothusa okuthe kwehla kwaye iphiko lolutsha luzimisele ukuwulwa nengcambu lo mkhuba. Uthe kuyaqala ukubonakala ukuba abantu bangachitha igazi ngenxa yezikhundla, “kuyabonakala abantu bananjongo zimbi ngobulungu bephiko lolutsha kwaye bangenza nantoni ukufumana oko bakufunayo kodwa lo nto ayisithezi mandla. Sizakuqhuba nekufanele sikwenze, siphande ngesehlo esi ze baphendule abenzi kodwa okunye sokuyekela kwingalo yomthetho.”

Unobhala we-ANC kwiphondo leMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uthe kuyothusa kwaye akwamkelekanga okwenzeke eAlfred Nzo. 

“Sizakuthatha amanyathelo angawo sisakufumana ingxelo ezeleyo ngokwenzeke phaya, asihambisani nako kwaye sizimisele ukukulwa,” utshilo uMabuyane. Uqhube wathi amalungu ombutho ayaludinga ufundiso ngezopolitiko; azokukwazi ukohlula iimfuno zawo kwezo zombutho wesininzi.