Imvumi yeR&B izakudlala kwi-7de Laan

Imvumi nomdlali kamabonakude u-KB Motsilanyane.

Umthanda kweliphi iqonga uKB? Emculweni okanye kwiqonga lemidlalo kamabonakude? Usaxakwe unjalo yimpendulo omawuyikhethe, uzakuncuma olukabhlankethe kuba nazi iindaba ezimnandi.

Umdlali kamabonakude nemvumi yomculo we-R&B uKB Motsilanyane, nowayefudula ekumdlalo we-e.tv iBackstage kunye neRhythm City, uyabuya kwakhona kumabonakude wakho.

Ngokweengxelo, u-KB uzakudlala indawo kaLesedi, ndima leyo esisigxina kumdlalo i-7de Laan.

ULesedi uchazwe njengegqwethakazi elizokumela uCecile, ongunina kunyana kaVince – uChristopher.

UChantal Stanfield uzakudlala indima yakhe njengoCecile, esiza erhuqa unyana wakhe ominyaka mithandathu.

Ingathi kuzakufuneka athi qwa uVince kuba uLesedi lelinye lamagqwetha ayimelayo into yawo.

U-KB uzakuqala ukubonakala ngomhla we-3 kuTshazimpuzi, kwinyanga nje emva kwemibhiyozo yesiqendu samawaka amane i-7de Laan isemoyeni.

Lo ngunyaka weshumi elinesixhenxe lomdlalo usemoyeni kwiSABC 2.