Umasipala waseNdlambe akafuni ukubiyela idama elinginya abantwana

Umfanekiso: Buziwe Nocuze
Banoloyiko lokuba idama lamanzi elikufutshane netiphu eseNdlovini ePort Alfred lizakutshonisa, libulale, nabanye abantwana nanjengoko lingade libiyelwe. 

Abahlali basePort Alfred, ingakumbi abo bahlala kwindawo yaseNdlovini, bavakalise inkxalabo abanayo ngenxa yedama abantwana abathi baqubhe kulo nelikufutshane nendawo ekulahlwa kuyo inkunkuma (etiphini).

Aba bahlali bavakalise ukuba ngonyaka ka2015 kwatshona umntwana wasweleka. kKlapho baveze ukuba umasipala walapha wathembisa ukuba eli dama uzakulibiyela ukuze abantwana bangakwazi ukufikelela kweli dama. Baqhube bathi, “sihlale wonke unyaka ophelileyo sijonge ukuba mabade malibiyele kodwa akude kwenzeke oko kuba eli dama alikabiyelwa nangoku!”

UNokonwaba Ngalo nongumhlali wale ndawo uthe umasipala waseNdlambe uyakwazi ukwenza izithembiso akugqiba angazifezekisi kuba indala into kanyaka ka2015 xa kanti abakalibiyeli nakulo unyaka. Uqhube wathi, “umasipala wethu akakwazi nje ukwenza izinto ungalandelelwangwa ngasemva kwaye ngamanye amaxesha uthi umlandela ungafumani kwa ncedo!” 

UNgalo ukwavakalise ukuba bakhupha abantwana phantse yonke imihla kule ndawo kodwa kunzima kuba abakwazi ukugada abantwana nanjengoko bebagqibela bedlala kufutshane namakhaya abo uthi uyababona abekho.

Omnye wabahlali balapha uthe bayayazi ukuba luxanduva lwabazali ukuqinisekisa apho bakhoyo okanye apho badlala khona abantwana babo kodwa akukho lula ngolohlobo kuba uninzi lwabazali luyaphangela kwaye abantwana bafumana ithuba lokuya kweli dama emini. 

Uqhube wathi, “asitsho ukuba sigxeka umasipala ngokuya kwabantwana bethu kweli dama kodwa sikholelwa ukuba wayesigcinile isithembiso sokubiya kule ndawo abantwana ngebengakwazi ukungena.”

Watsho esithi ngexesha zeeholide zokuphela konyaka ophelileyo wagxotha abantwana ebebegcwele kweli dama, nalapho athi wafumanisa ukuba kugcwele imithi phantsi kwalo kwaye eminye iyabonakala. Ekwacacisa ukuba yiyo enobungozi kuba bayaziphosa xa bengena kulo ntoleyo eyabangela ukubhubha komnye wabo ngo2015 kuba wafika ezantsi nalapho wathi wabambeka kule mithi. “Asiyazi ke nokuba umasipala ufuna kutshone abanye na ngaphambili kokuba alibiyele?” kubuze umhlali.

Isithethi sikamasipala waseNdlambe, uKhululekile Mbolekwa, uthe kuzakufuneka baqale bajonge ukuba eli dama lenziwa yintoni na. Uqhube wathi, “sizakuthumela abantu bethu bayokujonga kwaye ukuba kufuneka sibiyile sizakubiya. Ebuzwa ukuba babengazange, bayijonge na ngethuba besenza isithembiso ngo2015 ngethuba kutshona umntwana uphendule wathi, “sisi, sizakuzama ukuyilungisa le ngxaki kwaye njengoko nditshilo ukuba xa kufuneka siyibiyele sizakwenza njalo.” 

Watsho esithi luxanduva lwabazali ukuqiniskeisa ukuba abantwana babo abayi kweli dama kwaye kufanele bayazi ngawo onke amaxesha ukuba baphi na abantwana babo.