Abafundi baxhamle kwisisa seMdantsane City

Umphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni, uMandla Makupula, eMdantsane City apho ebeyokuphisa ngezihlangu kubantwana bezikolo zaseMdantsane emi kunye nabantwana baseSakhikhaya JPSUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Oonomngqushwana bezikolo ezithandathu eMdantsane bawuqale kakuhle unyaka wabo emva kokuba bethe bawelwa ngumqa esandleni ngokuphiwa izihlangu zesikolo ngabalawuli beMdantsane City Mall.

nebezinikezwa ngumphathiswa weZemfundo ephondweni, uMandla Makuphula, kwiholo elikule Mall.

Ngabafundi abangamakhulu amathathu anamashumi asixhenxe ananye (371) abathe baxhamla kwizikolo ezilithoba eziphuma eMdantsane.

Umlawuli weMdantsane City Mall, uWendy Zitha uthi, kufike ilizwi elisuka kubaphathi babo elithi mabajonge ezona zikolo zingathathi ntweni kula ngingqi yaseMdantsane ukuze bazincede.

“Sithenge izihlangu ezixabisa iR50 000. Sicele i-ofisi yezemfundo kule ngingqi sikuyo ekubeni isincedise ngokuthetha neenqununu zezikolo ezinabantwana abangathathi ntweni bona bababaziyo kwaye bazi nemeko yabo.

“Kuyandivuyisa kakhulu ukubeka uncumo ebusweni babantwana ingakumbi abo bahlelelekileyo,” utshilo uZitha.

Utitshalakazi wezinye zezikolo ezixhamlileyo iSakhikhaya Junior Primary, uNokwanda Tuku, uthi bonwabe ngeyona ndlela ingathethekiyo ngokuxhamla kwabafundi babo.

“Eyona nto esonwabisayo kukuba intlupheko yaba bantwabana siyazazi kwaye neemeko zamakhaya wabo siyayazi,” utsho uTuku. Umfundi waseSakhikhaya, uSinalo Ngxokela,, owenza uGrade R ngomnye wabafundi abahlelelekileyo abathe baxhamla kwezi zipho.

UMphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni, uMandla Makupula, ebeyinxalenye yomsitho wokunikezelo lwezihlangu.