Icela iivoti zeeMetro kuwe iSoul Kulture

Iqela lomculo weAfro Soul, iSoul Kulture

Iqela lomculo weAfro Soul elizibiza ngokuba yiSoul Kulture le dolophu yaseDutywa eMpuma Koloni, sele lizenzela igama kwelaseNtshona Koloni.

Eli qela ngabafana ababini abasaze ngobuso ezweni; uAfeletsi Manamathela (20) kwakunye noMsekeli Velaphi (21) nabenza uGrade 11.

Esi sibini asiwuvali umlomo ngokuchongwa kwabo okokuqala kwiMetro FM Music Awards (MMA16) baphinde bakhupha necwecwe labo lokuqala ngqa elithi “Ngeliny’ilanga nelineengoma ezilishumi elinesine kulo.

Bathi lo unyaka sisawuqalayo kubonakala ngathi izakuba ngowabo kwimpumelelo.

UManamathela: “Kumnandi kuthi ngaphakathi, ingathi liphupha okwenzekayo ingakumbi xa side sachongwa nakwi MMA16 zange sakucinga oko! Elinye iphupha kukukhupha icwecwe lethu. Nto leyo ngethuba sasiqala sicula kwizitalato zaseKapa sigalelelwa imali phantsi luluntu ngenzame zokulala sityile sasingatsho ukuba kungaze kwenzeke. Siyabulela kakhulu ngako konke.”

Batsho becacisa ngobunzima abakhulele kubo de babe kanti icwecwe labo elithi “Ngeliny’ilanga liyaphuma:

“Le ngoma ithi “Ngeliny’ ilanga” isukela kwintsokolo esithe sajongana nayo ekukhuleni kwethu sisesezilalini, eDutywa, apho sagqiba ekubeni siyokuzama impilo engcono eKapa ukuncedisa oomama bethu abangathathi ntweni” woleke ngelo uManamathela.

Italente le yabo iye yaqatshelwa nguMjakes Thebe, Lionel Jamela kwakunye neOpen Mic Production.

Bacela inkxaso yakho, mfundi, ngokuthi ubavotele kanje: SOUL KULTURE-BEST GROUP ucofe kwifowuni yakho * *120*1512#

Ukanti icwecwe labo lokuqala liyafumaneka kwiivenkile zonke ezithengisa amacwecwe kuwo onke amaphondo.

abongile.ginya@inl.co.za