Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphupha ndinikwa iR3000 ngumntana kamalume aphinde ayiphungule. Ndiphuphe umntana wam oyinkwenkwe ona-10 ebetha inyoka ngesihlangu endlini ndithi ke mna makathathe isitena ayibethe entloko iqhawuke, ndithi masiyitshise.

Impendulo: Imali leyo ephupheni ichaza izinto eziliqela kodwa ke kunzima ukungena nzulu kuwe kuba awuchazanga nokuba umntwana kaMalume lowo uyaphila kusini, kodwa ke imali engamaphepha ephupheni izisa okuhle kodwa.

Umntwana wakho yena unesiphiwo sokwazi ukubona izinto kwaye ke ngoku le nto uzakukhula nayo kubalulekile ukuba into ayithethayo niyinike ingqalelo kuba utyunjiwe ngabantu abadala.

Iphupha: Ndiphupha ndisikha imithi yomthunzi ezindidi ngeendidi emsebenzini apho ndiphangela khona. Kukho neyepesika imithana eneziqhamo ezihle. Le mithi ibinuka kamnandi kwaye isandinukisela nangoku sendivukile.

Impendulo: Wena ubabalwe, isibabalo sakho ke sisekubeni ube ngumntu osebenzisa amachiza. Ukanti iphupha lakho elo likwachaza ngento entle ezayo apho emsebenzini nokuba lunyuko-mali okanye isikhundla esiphezulu. Camagu.

Iphupha: Ndiphupha ndidutyulwa, ndiphinde ndiphuphe iringi yam iqhekeke phakathi ndifuna ukwazi athini la maphupha.

Impendulo: Lungisa iingxaki zomzi wakho. Ukuqhekeka kweringi kutsho isivunguvungu esibi nesichitho kubudlelwane bakho neqabane lakho. Ungayinqanda le meko ngokuthi uhlangane nemboni ukuze ikuncede isuse isibopho eso.

Iphupha: Ndiphupha amadoda amathathu endiphangela nawo egumbini lokuvasa bezihlamba bonke, ingaba lithetha ukuthini? Elesibini, ndiphupha ingathi kukho intsimbi emhlophe ejinga enkabini yam ekhalayo ngoku ngathi iyashukuma.

Impendulo: Camagu, zihlambe nawe. Oko kutsho ukuthi nawe iya kweyakho indawo ufune eyakho indlela yokuzivasa ngohlobo lokuzikhusela kuba kuyacaca ukuba apho emsebenzini wakho kufa ayayo. Intsimbi leyo ichaza ichaphaza lobizo onalo kodwa lo nto iyobuya iziveze kakuhle ethubeni.

Iphupha: Ndicela ukucaciselwa ngamaphupha amathathu endakhe ndawabona. Elokuqala, ndaphupha ingathi ndithunywa ngomnye usisi ecaweni ukuba ndiyomkhelela amanzi echibini, lo sisi isiduko sakhe siyafana nesam.

Xa ndifika kweli chibi ndithi xa ndigqibokukha amanzi nge-emele ndiyibeka entloko ndiphenduka ndava igama lam libizwa pha emanzini, ndancuma, laphela apho eli phupha.

Elesibini, ndaphupha ingathi kunkqonkqoza umntu emnyango ebusuku, xa ndiyovula ndibone utata omfutshane omdala unxibe iimfele, uphethe into esandleni efuna ukundinika yona, kodwa ngenxa yokuthuka kwam, ndakhawuleza ndavala umnyango naye wabe esithi akazokundilimaza undiphathele into, xa ndigqibo kuvala umnyango ndazisola, ndaziva ingathi ebeze ngesihle nyani.

Elesithathu iphupha yayingathi ndiphakathi kwesiziba esinamanzi aluhlaza ndingqangwe ngoomama abangamagqirha, mna ingathi ndiphethe i-umbrella apha phakathi emanzini.

Impendulo: Ndizakuphendula ndiwahlanganise onke la maphupha akho kuba athetha into enye. Ewe kaloku wena unobizo lobugqirha kwaye into yakho idibanisa izihlwele zamanzi amaphupha la akho akwaqulathe nesilumnkiso sokuba ukuba awude uvume ubizo olu kwakho mazikuthathe zona ngenkani. Zicenge ke wamnkele ukuze uzokwazi ukuphila ubomi obungcono. Camagu.

Iphupha: Ndiphuphe ndibambe ibhokwe emhlophe engenabala, andisakhumbuli ukuba liye laphelela phi eli phupha, kodwa ke le ibhokhwe ibindlongo-ndlongo (ibifuna ukubaleka) ntonje liyandothusa ke noko.

Impendulo: Camagu. Khumbula ukuba ibhokwe le yinto yokwenza isiko xa uyiphupha ke sube ikukhumbuza ngomsebenzi lowo oquka yona phakathi. Ukuze ufumane iinkcukacha malunga nokuba ngumsebenzi onjani lowo zama ukuhlangana nosiyazi okufutshane kuwe.

Iphupha: Ndiphupha uMama ome kwindawo emnyama kodwa kukho ukukhanya kule ndawo ame kuyo kwaye kule ndawo ame kuyo esolatha ukuba mandiyothatha iyeza kumama othengisa endleleni njengonoMarike.

Impendulo: Ndiyacinga ukuba izinto zakho azihambi ngendlela okanye gxebe impilo yakho inkenenkene. Nokuba yeyiphi kwezi zinto ndikuxelela zona iphupha lakho lithi funa uncedo kwaye uncedo lwakho luseyezeni.

Iphupha: Ndiphupha ndisecaweni esibingelelweni phandle kwicawa yase St Johns kume amagosa nebandla ndixhelelwa inkuku ebomvu. Ndiphupha ucango lwendlu yam ngasemva livuleke genge ebusuku ndithe xa ndiyokulivala kwesuka kwathi lakatya ikati emnyama apha emva kwam iphuma apha endlini, ndavala ucango ndayokulala.

Impendulo: Camagu mntomdala iphupha lakho lenkonzo lizakufuna abantu abadala bebandla balihlalutye ngokwasenkonzweni.

Kodwa ke kuyafuneka bekwenzele umsebenzi ngokohlobo lwabo nangona nje umsebenzi lowo uzakuthanda ukwahluka kweyabanye abantu kuba wena unesihlwele esinamandla. Indlu yakho yona ifuna ukuhlanjululwa kukhutshwe imimoya emdaka ngaphakathi. Camagu.

Ungathumela iphupha lakho kuWhatsapp 063 743 9538 naku isibhalo@inl.co.za