Kukho abazenzela ‘unothanda’ eKing Sabata Dalindyebo

Umbutho wabahlawuli beenkonzo zikamasipala kule ngingqi yaseMthatha, iMthatha Ratepayers Association (MRA) uthi ukuthinjwa kweempahla zikamasipala weKing Sabata Dalindyebo ngoLwesihlanu kubonakalisa mhlophe ukuba kukho abantu abazenzela “unothanda” kulo masipala.

Lo mbutho ubuphefumla kwintsukwana emva kokuba lo masipala elahlwe lityala kwinkundla yezemisebenzi eBhayi ngoMvulo wale veki kulandela isicelo sokuba kubuyiswe impahla ethinjiweyo kuphindwe kuthotywe imali enikwe igqwetha ebelityalwa ngulo masipala uHymie Zilwa.

Ukuthinjwa kwezimpahla kulandela ukungathotyelwa koxwebhu lwenkundla olwalugunyazisa ukuba kuhlawulwe uZilwa imali elinganiselwa kwi-R159 000 xa kudibene neendleko ezongezelelweyo.

Eli gqwetha belixoxela umasipala phakathi konyaka ka2008 ukuya ku2016 kumatyala ohlukeneyo aquka ukugxothwa komsebenzi kamasipala nowabhenela kwinkundla yezemisebenzi eBhayi.

Inkundla yacebisa ukuba umasipala avumelane ngentlawulo nalo msebenzi kodwa umasipala akazange avume.

Phakathi kwempahla ezisagcinwe kunothimba kuquka iikhompyutha ezilishumi, iilephutophu ezimbini, izitulo ezilishumi elinesine nezinye izinto.

“Umasipala weKSD ubesiyaphi enkundleni yamatyala inguye ongahlawulanga igqwetha imali yalo? Siyothuka kukuthathwa kwempahla zikamasipala ngunothimba kuba alizange lixelelwe ibhunga ngeli tyala. Ukuya enkundleni yinkcitha-mali yabarhafi ebingeyomfuneko nengeyithintelwe,” utshilo uBoy Malgas wombutho iMRA.

UMalgas ukwathe: “Lo mba sisawuva emoyeni kwaye siyakugxeka ukungahlawulwa kwamagqwetha asebenzileyo, lo nto yandisa iingxaki kulo masipala ohleli engenamali.” Ngokwengxelo uZilwa walumkisa umasipala ngelithi makangayi enkundleni ukunqanda ukohlwaywa nangakumbi kodwa wayibetha ngoyaba ingcebiso yakhe.

UZilwa uthe: “Emveni kokuthinjwa kwempahla kamasipala, ndiye ndayinikwa imali yam. Ndicelile kwabasemagunyeni ukuba balirhoxise ityala kuba ukuqhubeka nalo yinkcitho yemali yabarhafi engeyomfuneko kodwa akhange ndithathelwe ngqalelo. Isicelo sivele sachithwa kwinkundla yezemisebenzi eBhayi ngoMvulo, umasipala uyalelwe ukuba ahlawule zonke iindleko zeli tyala. Loo mali ngeyenze umahluko omkhulu ukuphucula impilo zabantu.”

Impahla zisagcinwe kunothimba de kuhlawule iindleko zakhe eziqikelelwa ngaphaya kweR15 000 logama ezenkundla ziqikelelwa kwiR40 000.

Isithethi salo masipala uSonwabo Mampoza uthi abasemagunyeni kulo masipala basawuchophele lo mcimbi wokuthinjwa kwempahla.