Ikamva likaGwede kwiANC

Gwede Mantashe

IXESHA elimiselweyo likaGwede Mantashe njengoNobhala Jikelele weANC lifikelela esiphelweni ngenyanga yoMnga kulo nyaka, nanjengoko ezakube eyigqibile iminyaka elishumi kwesi sikhundla. Umbuzo ngowokuba kokuphi okulandelayo kule nzalelwane yaseCala.

Iintetho zikaMantashe zakutshanje zichaza ukuba ukwiqela elixhasa uSekela Mongameli weANC nelizwe uCyril Ramaphosa okugqatso lobumongameli beANC.

Ngethuba ethetha eMonti kwiveki ephelileyo uMantashe ulumkise amalungu eANC ukuba azilumkele iinkokeli ezizakuza namagama abagqatswa besithandathu esizakukhokela lo mbutho emva kwenkomfa ezakubanjwa ngeyoMnga.

Le ntetho ifana nqwa naleyo ibithethwe nguRamaphosa eMthatha ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yoMqungu.

URamaphosa noMantashe sele besuka kuba ngooNobhala kwimanyano yabasebenzi-mgodini iNUM. Ngaphambili, uRamaphosa ukhe wanguNobhala weANC ngethuba ongasekhoyo uNelson Mandela enguMongameli kulo mbutho.

Bobabini uRamaphosa noMantashe, bamemelele kumasebe eANC ngelithi makabeke iliso kwiinkokeli ezizigqatsela kwizikhundla besithi hleze zifuna ukuba kufutshane nenxili yesizwe.

Oku kungabonwa njengokuphikisa iqela leeNkulumbuso ezintathu kweli lizwe ezibizwa njengePremier League. EziNkulumbuso nguAce Magashule waseFreyistata, uDavid Mabuza waseMpumalanga kwanoSupra Mahumapelo waseMntla Ntshona kwaye zaziwa ngobuhlobo bazo nosapho lakwaGupta – abahlobo bakaMongameli Jacob Zuma – abafunyaniswa nguMkhuseli woLuntu njengabathe badlakathelisa umbuso.

UNobhala weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi uMantashe yinkokeli efunekayo “kwikamva” leANC.

“Yinkokeli elushica. Yinkokeli enqabileyo ngeli xesha sikulo kwiANC. Yinkokeli esiyifunayo kwikamva leANC nakwilizwe ngobubanzi. Ungomnye wabambalwa esinabo kwiANC, ofunga angajiki,” utshilo uMabuyane.

Nangona nje engakhange akhankanye sikhundla, uMantashe exelele indibano yolutsha lamaKomanisi eMonti ukuba unelungelo lokuzigqatsa kwisikhundla solawulo kwiANC.

“Sizinkokeli zombutho futhi sinelungelo lokuzigqatsa kwizikhundla xa kufike ixesha lalo nto. Amasebe eANC anoxanduva lokonyula iinkokeli ezinesakhono sokuqubisana neengxaki ezijongene neANC.

“Amagama (abagqatswa benkomfa yenyanga yoMnga) kufuneka ibeliqela elizakukwazi ukuhlangabezana nemicelimngeni ejongene neANC ngoku sithethayo,” utshilo uMantashe.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za