Yintoni iVitiligo?

UZenazi Msusa onesimo seVitiligo nongumnikazi weGirl to Girl Vitiligo Umfanekiso: Uthunyelwe

UKhe ubabone ababantu bahle ufike benamabalana akhanyayo okanye amhlophe kwindawo ezithile emzimbeni nasebusweni, ube lo mntu wawumgqibele engenalo ibala ekukhuleni.

Esi sehlo sibizwa ngokuba yiVitiligo. IVitiligo ivela emntwini osele emdala abe mhlawumbi wayezalwe enayo koko ingekazigqamisi. Abanye abantu abakholelwa kwimicimbi yesiNtu bakholelwa ukuba umntu oneVitiligo ufanelwe enzelwe umcimbi wakowabo.

Osele yena enawo loo mabala uZenazi Msusa (27) olawula iphulo elibizwa ukuba yiGirl to Girl Vitiligo Campaign eNtshona Koloni uthi, iVitiligo asiyonto inokuxhalabisa ayibuhlungwanga kwaye ayihluphi ngakuqaqamba koko kukujika nje kwesikhumba sakho ubenamabala athile. Kodwa uthi oku kwamkeleka kade ebantwini kuba kaloku yinto eqatsela ngoku sele ukhulile.

Emva kokuzifumanisa eneVitiligo, uMsusa wenza uphando koogqirha besikhumba eNtshona Koloni ukuya kuzifumanela ngonobangela weVitiligo emntwini.

“Ekuphandeni kwam ndiye ndafumanisa ukuba iVitiligo yinkqubo eyenzeka emzimbeni (immune system) ekumele ukuba ilwa izifo eziza emzimbeni wakho ngempazamo iye ithumele amajoni la enza ukuba ubemnyama ngebala okanye umhlophe aphithane atsho adale loomabalana kumzimba wakho,” kutsho uMsusa.

UMsusa uthi iVitiligo ifana nofuzo ngamanye amaxesha uye uyifumane kutamkhulu okanye umakhulu wakho owayenayo nowasweleka kudala.

Uthi imiceli mngeni uyifumene ngethuba imqala eseneminyaka elishumi elinanye ubudala apho athi oogxa bakhe besebancinci babesithi ungu “Khamaflaji”. Uthi oku kwakumhlupha kakhulu naye engayazi ukuba kwenzeka ntoni.

Uthi eyakhe iqale ukugqama kakhulu entla kwemehlo emva kokuba ethe wabeleka. Uthi ona amaxesha obunzima akhona kuba uthi sele ezihambela ajongwe ngabantu ebusweni.

UMsusa uthi kwimeko awayekuyo yokube ezisizela waye wagqiba ekubeni mayibeyinto le emonwabisayo ekhuthaza nabanye abantu. Wasungula eliphulo leGirl to Girl Vitiligo Campaing ngenjongo zokukhuthaza abantwana

abangamantomabazana abasebancinci ukanti kwanokufundisa noluntu jikelelengeVitiligo kuba uluntu lubanemibuzo emininzi engathandekiyo.

“Enye eyandisusayo kukufundisa uluntu kuba lubonakala ulwazi lungenalo ncam. Abantwana abasakhulayo ibabonise ukuba ungakwenza konke okunqwenelayo unje ayisosigulo ingesosifo koko kukutshintsha kwesikhumba sakho.”

Uthi, ayinalo iyeza lokuyinyanga koko zizinto zokuthambisa kuphela nazo ezithomalalisa amabala kodwa angapheli ncam. Uthi eyona ndlela ilula awathi wacetyiswa ngayo ngoogqirha kukuba ajike umzimba wakhe wonke (skin bleaching) ntoleyo athi zange ayivume, kambe abanye babesithi kuthetha ukuba makenzelwe umsebenzi wesixhosa kowabo. Uthi kuphando lwakhe kwadizwa ngoogqirha ukuba basebancinci abantu abaneVitiligo kungoko ichiza lingekabikho lokuhlangula lamabala.

Osaziwayo abaninzi abaneVitiligo nguLeleti Kumalo ongumdlali ku-Uzalo noGenerations, imvumi uMichael Jackson

IVitiligo ikwiindidi ezimbini: Ikhona enganweniyo ukanti ikhona nenwenayo.

Into entle ngayo kukuba:

Ayosuleli

Ayikho buhlungu

Ezibuhlungu ngayo kukuba:

-Nabani na angayifumana

Ayikhethanga bala litheni

Ichiza ayikabinalo.

Bayafumaneka kwikhasi lonxibelelwano uFacebook ukubanika inkxaso.