Abahlali baxhalabe yimililo yamatyotyombe eGcuwa

ULoyiso Mafundityala olixhoba elitshelwe lityotyombe eSkiet eGcuwa, emanxadanxada ezama ukuzinceda. IMIFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

ABAHLALI baseSkiet eGcuwa bakholelwa ukuba xa umasipala wesithili saseAmathole engathi abanike izixhobo zokucima umlilo xa uvuke kumatyotyombe abo, imiphefumlo eliqela ingasinda.

Le ngcamango iza emva komlilo othe watshisa amatyotyombe asibhozo kwiveki ephelileyo emva kokuba kudubule isitovu kulandela ukulunyekwa ngumntwana oneminyaka emihlanu obefudumeze inyama.

Iimpahla zabantu zitshe zaphela kulo mlilo nanjengoko isehlo esi senzeke ngethuba besempangelweni. Ngethuba izicima-mlilo zaseAmathole bezixakekile zicima lo mlilo, abahlali baseSkiet abakumatyotyombe abengachaphazelekanga bathe bakhupha iimpahla zabo phandle ngeloyikisela into engekehli.

UPhatheka Mbhaswane uthi utshelwe ziimpahla zakhe eziquka iibhedi.

“Nesazisi sam sitshile, ndishiyeke neempahla ebendizinxibile kuphela,” kutsho uMbhaswane.

ULoyiso Mafundityala naye uthi utshelwe ziimpahla zakhe zonke ngethuba kuvuka lo mlilo esemsebenzini.

Umhlali waseSkiet uZifikile Ndaliso uthi banqwenela ukufakelwa umbhobho kwisitishi samanzi esikufuphi ukuze bakwazi ukuwucima kwangethuba xa uthe waqhambuka umlilo.

“Iyasixhalabisa kakhulu imeko yemililo eyenzeka qho apha eSkiet. Azipheli iinyanga ezintathu kungavukanga mlilo apha eSkiet. Abantu ababhubhileyo apha bangaphaya kweshumi kule minyaka mihlanu idlulileyo ngenxa yemililo yamatyotyombe,” utshilo uNdaliso.

Uceba wakwaWadi 1, iindawo eziquka iSkiet, uZolani Siyo uthi ziyaxhalabisa izehlo zemililo eSkiet. “Ndivumelana nabahlali abathi makubekho izitishi zamanzi ezikufuphi ukuncedisa ukucima umlilo xa uthe wavuka.

“Izixhobo zokucima umlilo kuyafuneka zihlale zikhona ukunqanda into engekehli,” utshilo uSiyo.

Imililo yamatyotyombe eSkiet ixhaphake ebusika futhi yenziwa ngamakhandlela aphazameke ekucinyweni okanye xa ubani elele elayite isitovu.

Isithethi kumasipala wesithili saseAmathole uSiyabulela Makunga uthi bazakuyiqwalasela le meko yemililo yaseSkiet, emva koko bajonge umkhombandlela.