Liyintoni ilifa lomntu omnyama?

Ndikhuliswa kwikhaya eliyikhuthaza kakhulu imfundo nokubaluleka kwayo. Umakhulu wam wayethanda ukuthi “Imfundo lilifa lakho elingasoze lahluthwa mntu”. Ndisitsho nje, wayengafumananga mfundo ingako umakhulu wam, wayeka kumabanga asezantsi kakhulu ukufunda kuba imfundo yayingabalulekanga kulo maxesha.

Ndibenethamsanqa kakhulu ukuba ndikwazi ukufikelela kwinqanaba eliphezulu lemfundo ndathweswa nezidanga.

Uninzi lwethu bantu bamnyama lukhule lufuna imfundo ukuze lususe ikati eziko kwaye luphucule nemeko yamakhaya ethu. Kula lali ndikhulele kuyo, ooGqirha, ooTitshala kunye naMagqwetha ibingabantu abangumzekelo kakhulu.

Kwasekuhlaleni bebenikwa imbeko ngenxa yenqanaba lemfundo yabo. Lo nto ibisinika umdla singabantwana, uzibone nawe unqwena ukuba ube nje ngabo ngenye imini.

Ngokuya sasikhula, sasinamaphupha aye etshintsha ngokuya sikhula. Pha ebuntwaneni amaphupha akho afumana ifuthe koko kukungqongileyo. Nto leyo ethi, ukuba umntwana ukhulela kwindawo enootitshala abaninzi, naye angazibona sele enaloo mimqweno. Kodwa athi ngokuya ekhula afumane esona sakhono sakhe, aze alandele sona. Abanye bagqibela belandela, befezekisa amaphupha ekungengowabo, koko ingawabazali babo.

Nam ke ndikhule ndizibona ndingugqirha, ndaphinda ndazibona ndiligqwetha kwaze kwathi ekugqibeleni ndafumanisa ukuba isakhono sam sikubuntatheli, ndafundela bona.

Ukukhangela imfundo nobom obubhetele kuhamba nokufuduka. Ukusuka kwakho kula ndawo yakho yokukhula, uhamba ubone abanye abantu, izixeko, amanye amazwe nezinye iintlanga.

Ekukhuleni kwam bendisiva ngokucalucalulo ngobuhlanga kwiincoko zabantu abadala, ndive nakumathotholo ngeziganeko ezahlukeneyo zobuhlanga.

Ngeengqondo zobuntwana ndazigqibela ukuba, ubuhlanga buchaphazela abo bakwizinga eliphantsi kwisizwe esimnyama. Ndacinga ukuba ukufumana kwam imfundo, ukukhumsha, nokuhlonela iindlela zabamhlophe, akunakundenza ixhoba.

Ekuqaleni kwam ukuxelenga, ndiqashwe yinkampani yabamhlophe. Sifika xesha nye noogxa bam abathathu, sizintlanga ezahlukeneyo, yaye siphuma kumaziko emfundo ephakemeyo ohlukeneyo. Umnqa, yaba kukubona indlela abasele bephumelele ngayo ogxa bam. Bobathathu babesele behamba ngeemoto, belungiselelwe iindawo zokuhlala zikanokutsho yaye bekhangeleka besoloko benemali. Ndizibuze ndiziphendula ukuba ingaba benza kanjani?

Ndaphinda ndakhumbula ukuba bona kanene ngabebala. Uninzi lwabo lukumnombo wobutyebi bezizukulwana ngezizukulwana. Abanye babo, nokuba bangangasebenzi, abanakukusokola kuba baphuma kumakhaya anamashishini ngamashishini.

La athi aqashe kwathina singabantu abamnyama. Kule nkampani ndothuka nokufumanisa ukuba uninzi lwabaphathi bam abayanga ncam kwaNokholeji. Kodwa babendiphethe ndinalo mfundo yam yamabhongo.

Umbuzo wam wahlala umile ukuba, xa umakhulu wayesithi ilifa lam yimfundo, wayezazi na ezi meko? Wayeyicinga na khona eyokuba thina bantu bamnyama sifundiswe ukuba kufuneka sifumane imfundo kuqala ukuze siphumelele? Baze abebala bona bafundiswa ukwakha amashishini, iiFama nokurhweba nabamanye amazwe. Befundiswa ngabaphambili kubo nabo abangazange balubeka eYunivesithi.

Ndizibuze imibuzo ukuba, ilifa lam nabanye abantwana abamnyama ingaba kukusokolela imfundo, sisokolele ingqesho, siphinde sisokolele impangelo? Emva kwayo yonke loontsokolo, asikho nesiqinisekiso sokuba uyakuphumelela ebomini. Zibekhona neziganeko zokuba wenze umsebenzi omnye noogxa bakho abamhlophe, nikwizinga elinye ngokwengqesho, kodwa ningarholi mivuzo ilinganayo, omnyama afumane ngaphantsi kunabo.

Zathi ukundifikela ezizityhilelo, yanga ndingakhwela i-esile ndingene ndiphuma kwizixeko zonke ndixelele abantu bakuthi ukuba inyaniso esiyifumeneyo ngeli lifa lethu eliyimfundo, ayigqibelelanga. Zikhona imfihlelo esingazixelelwanga ngabo abaza nemfundo kuthi basixelela ukuba ukulima nokufuya zizinto zamaqaba. Baze kwabona benza ezozinto ebesizenza, baqasha kwathina aba.

Ndiyakholelwa ukuba kwinkcubeko nobugcisa bethu kwantu, zininzi izinto esingazisebenzisa ze sishiyele izizukulwana ezizayo amafa angcono. Siseso sizukulwana sinokwazi ukusiqhawula esi sangqa semfundo ehambisana nentlupheko.

Nathi sifundise abethu abantwana ngokubaluleka kokushishina, ukuzimela nokuba ibenguwe ovulela abanye abantu amathuba engqesho.

Baninzi kakhulu, abantu abanezidanga ezibizwa ngamagama ngamagama kodwa bahleli phantsi besitya iinkobe, belindele nokuqashwa nezozidanga. Kanti eli lifa lemfundo, lisebenzela abatheni? Andikabinayo nam impendulo.